Yiya kwinkcazelo

Ngaba AmaNgqina KaYehova Achith’ Imizi Okanye Ayayakha?

Ngaba AmaNgqina KaYehova Achith’ Imizi Okanye Ayayakha?

 Thina njengamaNgqina kaYehova, sakha iintsapho zethu nezabamelwane bethu. Siyamhlonela uThixo kuba nguye uMsunguli wentsapho. (Genesis 2:21-24; Efese 3:14, 15) EBhayibhileni usifundisa imigaqo enceda abantu abasehlabathini lonke babe nemitshato eqinileyo nekonwatyiweyo kuyo.

Indlela AmaNgqina KaYehova Akukhuthaza Ngayo Ukuba Neentsapho Ezomeleleyo

 Senza konke okusemandleni ethu ukuze sithobele isiluleko seBhayibhile, kuba oku kusincede sibe ngabayeni, amakhosikazi nabazali abangcono. (IMizekeliso 31:10-31; Efese 5:22–6:4; 1 Timoti 5:8) Ubulumko obuseBhayibhileni bunceda kwaneentsapho ezingakhonzi kunye ziphumelele. (1 Petros 3:1, 2) Masikhe sive kubantu abangengomaNgqina abanamaqabane awaba ngamaNgqina kaYehova:

  •   “Kwiminyaka emithandathu yokuqala yomtshato wethu kwakunzima kuba sasisoloko sixambulisana. Kodwa emva kokuba uIvete eliNgqina likaYehova wandithanda kakhulu ibe waba nomonde. Ezi mpawu zintsha zawomeleza umtshato wethu.”—UClauir waseBrazil.

  •   “Ndandingathandi xa umyeni wam, uChansa efunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova, kuba ndandicinga ukuba achith’ imizi. Kodwa ndabona ukuba eneneni iBhayibhile iyawomeleza umtshato wethu.”—UAgness, waseZambia.

 Xa sishumayela siye sibabonise abamelwane bethu indlela ukusebenzisa ubulumko obuseBhayibhileni okunokubanceda ngayo

Ngaba ukungacawi kunye kubangela nixambulisane emtshatweni?

 Kuyavunywa kona ukuba kuba njalo maxa wambi. Ngokomzekelo, ingxelo yophando olwenziwa yinkampani ekuthiwa yiSofres ngo-1998 ithi, umtshato omnye kweyi-20 uba neengxaki ezinkulu kuba elinye iqabane liye laliNgqina.

 UYesu waxela kwangaphambili ukuba abo bathobela iimfundiso zakhe baza kuba neengxaki kwiintsapho zabo. (Mateyu 10:32-36) Umbhali-mbali uWill Durant waphawula ukuba ngaphantsi koLawulo lwamaRoma, “amaKristu ayetyholwa ngokuchith’ imizi,” a ibe amanye amaNgqina kaYehova asatyholwa ngaloo nto nanamhlanje. Ngaba loo nto itheth’ ukuba amaNgqina abangela iingxaki?

INkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu

 Xa kwawiswa isigwebo sokutyholwa kwamaNgqina kaYehova ngokuchith’ imizi, iNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu yathi, amalungu entsapho angengomaNgqina asoloko ebangel’ ingxaki kuba engafuni “ukuwamkela aze ahlonele inkululeko yonqulo yezalamane zawo ezingamaNgqina.” Ukongezelela, inkundla yathi: “Ixhaphakile le nto kuyo yonke imitshato enamaqabane angacawi kunye.” b Noko ke, enoba akamkelwa ngenxa yonqulo lwawo, amaNgqina kaYehova enza konke okusemandleni awo ukuthobela isiluleko seBhayibhile esithi: “Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na. . . . Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.”—Roma 12:17, 18.

Isizathu sokuba amaNgqina kaYehova ekholelwa ekubeni amele atshatane

 AmaNgqina athobela umyalelo weBhayibhile wokutshata “kuphela eNkosini,” okutheth’ ukuthi ukutshata umntu oneenkolelo ezifanayo nezakho. (1 Korinte 7:39) Lo myalelo usekelwe eBhayibhileni ibe uyasebenza. Ngokomzekelo, inqaku lika-2010 elikwiJournal of Marriage and Family lathi, “izibini ezineenkolelo ezifanayo” zidla ngokuvana. c

 Noko ke, amaNgqina awakhuthazi ukuba ashiywe amaqabane angengomaNgqina. IBhayibhile ithi: “Ukuba nawuphi na umzalwana unomfazi ongakholwayo, ukanti evuma ukuhlala naye, makangamshiyi; nomfazi onendoda engakholwayo, ukanti ivuma uhlala naye, makangayishiyi indoda yakhe.” (1 Korinte 7:12, 13) AmaNgqina kaYehova ayawuthobela lo myalelo.

a Funda incwadi ethi Caesar and Christ, iphepha 647.

b Funda ngesigwebo esawiswa kwityala elithi, Jehovah’s Witnesses of Moscow and Others v. Russia, iphepha 26-27, isiqendu 111.

c Funda neJournal of Marriage and Family, Umqulu 72, Inombolo 4, (Agasti 2010), iphepha 963.