Yiya kwinkcazelo

Wayezimisele ukufundisa iintombi zakhe ezimbini iBhayibhile

Wayezimisele ukufundisa iintombi zakhe ezimbini iBhayibhile

Emva kokuba ebhaptiziwe waza waba liNgqina LikaYehova, uZarina wabuyela eRashiya kwilizwe lakowabo kuMbindi Asia. Wayezimisele ukufundisa iintombi zakhe ezimbini iBhayibhile ukuze nazo zibe nokholo njengaye. Kuba wayengenamali, yena, iintombi zakhe, abazali bakhe, umntakwabo kunye nomfazi womntakwabo, babehlala bonke kwigumbi elinye. Abazali bakhe bamxelela ukuba angakhe alinge afundise abantwana iBhayibhile. Baxelela neentombi zakhe ukuba zingathethi nomama wazo ngeBhayibhile.

UZarina wacinga kakhulu ngendlela yokunceda iintombi zakhe zifunde ngoYehova. (IMizekeliso 1:8) Wathandaza ngokuzimisela waza wamcela uYehova ukuba amkhokele aze amphe ubulumko. UZarina akazange ahlale nje kodwa wenza izinto ezibonisa ukuba uyafuna umthandazo wakhe uphendulwe. Wayesithi chu neentombi zakhe ukuze ancokole nazo ngoYehova. Ezi ncoko zanceda iintombi zikaZarina zafuna ukumazi uYehova.

UZarina wacinga ngendlela anokuyisebenzisa ngayo incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile ukuze ancede iintombi zakhe. a Wayekhuphela iziqendu nemibuzo yale ncwadi njengokuba injalo ephepheni. Emva koko, wayelithatha elo phepha kunye nento yokubhala aze azifihle phantsi komatshini wokuhlamba iimpahla ethoy’lethi. Xa iintombi zakhe zisiya ethoy’lethi, zazifunda ezo ziqendu zize ziphendule imibuzo.

Esebenzisa le ndlela, uZarina wakwazi ukufundela iintombi zakhe izahluko ezibini zencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Emva koko, bafumana iindawo eyeyabo yokuhlala watsho wakhululeka wakwazi ukukhulisa abantwana bakhe kakuhle. Ngo-Oktobha 2016, iintombi zakhe ezimbini zabhaptizwa ibe zazivuya nyhani kuba umama wazo wasebenzisa ubulumko nokuqonda ukuze azifundise inyani ngoThixo.

a Abantu abaninzi ngoku basebenzisa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?