Yiya kwinkcazelo

Abazange Baphindise Kumfundisi Owayenomsindo

Abazange Baphindise Kumfundisi Owayenomsindo

UArtur, ongumveleli wesiphaluka eArmenia, wayetyelele elinye ibandla lamaNgqina KaYehova. Wafumanisa ukuba zange bakhe bashumayela ngetroli kweli bandla. Ukuze akhuthaze ibandla ukuba lishumayele ngale ndlela, yena nenkosikazi yakhe uAnna nomnye umzalwana uJirayr, bayokushumayela ngetroli kwidolophu encinci. Bakhetha indawo eyayinabantu abaninzi.

Abantu ababegqitha babenomdla ibe babezithatha iincwadi. Kodwa le ndlela intsha yokushumayela yabenzela iintshaba. Abefundisi ababini beza kule troli waza omnye wabo wayikhaba yayokuwa. Emva koko, waqhwaba uArtur ngempama kwataka izipeksi. UArtur, uAnna, noJirayr bazama ukuthetha naba befundisi ukuze behlise umsindo, kodwa kwakungathi bagalela iparafini emlilweni. Aba befundisi bayikhaba itroli baza bayinyathela kwathi sa iincwadi. Babathuka baza baboyikisa emva koko, bemka.

UArtur, uAnna, noJirayr baya emapoliseni beyokuchaza into eyenzekileyo. Bawacacisela ukuba kwenzeke ntoni baza bashumayela nje kancinci kumapolisa nakubantu ababesebenza apho. Bathathwa basiwa kwiofisi yomphathi wamapolisa. Ekuqaleni lo mphathi wayefuna nje ukwazi ukuba kwenzeke ntoni. Uthe wakuva ukuba uArtur akazange aphindise nangona wayembona ukuba usisigantsontso, wayeka ukubuza ukuba kwenzeke ntoni wafuna ukwazi ngamaNgqina. Bancokola naye iiyure ezine! Lo mphathi wamapolisa wayengayikholelwa le nto. Wathi: “Ndiyayithanda le nkonzo yenu! Zange ndayibona into enje!”

UArtur noAnna

Ngosuku olulandelayo uArtur waphinda wayokushumayela ngetroli. Kweza enye indoda eyayibukele xa uArtur wayehlaselwa ngaba befundisi. Le ndoda yamncoma uArtur ngokuhlala ezolile nangokungaphindisi. Ithi le nto yenzekileyo iyenze yayeka ukubahlonipha aba befundisi.

Ngobo busuku umphathi wamapolisa wacela uArtur ukuba ayokumbona emsebenzini. Kodwa endaweni yokuba ambuze ngento eyayenzekile wabuza imibuzo ngeBhayibhile. Namanye amapolisa amabini angenelela kule ncoko.

Ngosuku olulandelayo uArtur waphinda waya kumphathi wamapolisa, kodwa ngoku, wayeyokumbonisa iividiyo zeBhayibhile. Lo mphathi wabiza namanye amapolisa ukuba azokubukela.

Ngenxa yokuba uArtur waphathwa kakubi ngabefundisi loo nto yabangela ukuba kuncokolwe ngeBhayibhile namapolisa amaninzi. Amapolisa alapho awathanda amaNgqina KaYehova.