Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Nyhani Singamkholisa UThixo?

Ngaba Nyhani Singamkholisa UThixo?

Ngaba wakha wafunda ngabantu abaseBhayibhileni abatyibekwa ngezincomo, waza wathi, ‘Andinakuze ndibe njengabo!’ Usenokuthi ‘Andikho msulwa, andilolungisa, ibe ndiyazenza iimpazamo.’

UYobhi wayeyindoda ‘engenakusoleka, nethe tye.’—Yobhi 1:1.

Usolusapho uYobhi uchazwa njengendoda ‘engenakusoleka, nethe tye.’ (Yobhi 1:1) ULote kwakusithiwa ‘lilungisa.’ (2 Petros 2:8) UDavide yena kwathiwa wenza “oko kulungileyo” emehlweni kaThixo. (1 Kumkani 14:8) Noko ke, makhe sihl’ amahlongwane ubomi bala madoda kuthethwe ngawo eBhayibhileni. Siza kubona ukuba (1) azenza iimpazamo, (2) ininzi into esinokuyifunda kumzekelo wawo, kwaye (3) sinako ukumkholisa uThixo enoba sineempazamo.

AZENZA IIMPAZAMO

“[UThixo] wamhlangula uLote olilungisa, owayebandezeleke kakhulu kukuzifica kwihambo evakalala kwabantu abadelela umthetho.”—2 Petros 2:7.

UYobhi wehlelwa luthotho lwezinto ezibuhlungu ibe kwakubonakala ngathi udlelw’ indlala. Wagqiba kwelokuba uThixo akayihoyanga into yokuba unokholo kuye okanye akanalo. (Yobhi 9:20-22) UYobhi wayezibona elelona lungisa lakha lakho, kangangokuba kwabanye wayevakala ngathi uthi wogqitha noThixo lowo.—Yobhi 32:1, 2; 35:1, 2.

ULote wathath’ ebeka xa kwakufuneka enze isigqibo esasibonakala silula. Abantu baseSodom naseGomora ababebole bhutyu kukuziphatha okubi babemkhathaza gqitha kangangokuba bade ‘bawuthuthumbisa umphefumlo wakhe.’ (2 Petros 2:8) UThixo wathi ufuna ukuzitshabalalisa ezo zixeko zibi waza wanika uLote nentsapho yakhe ithuba lokusinda. Ungacinga ukuba uLote wayeza kulixhakamfula ngazo zozibini elo thuba, ekubeni wayehleli engonwabanga apho. Noko ke, wathandabuza. Kwafuneka iingelosi zibabambe ngezandla zize zibarhuqele ngaphandle kwesixeko ukuze bakhuseleke.—Genesis 19:15, 16.

UDavide ‘walandela [uThixo] ngentliziyo yakhe yonke ngokwenza kuphela oko kulungileyo emehlweni [kaThixo].’—1 Kumkani 14:8.

UDavide wakha wohlulwa kukuziphatha waza wakrexeza nomfazi wenye indoda. Xa wayezama ukuquma elo hlazo, uDavide wenza eyona inkulu ngokubulala umyeni waloo mfazi. (Eyesi-2 kaSamuweli, isahluko 11) IBhayibhile ithi, loo nto wayenzayo uDavide “yabonakala imbi emehlweni kaYehova.”—2 Samuweli 11:27.

UYobhi, uLote noDavide bazenza iimpazamo, ibe ezinye zazo zazinkulu. Kodwa ke, njengoko siza kubona eyona nto yayiphambili kubo kukukhonza uThixo ngentliziyo epheleleyo. Babekulungele ukubonisa ukuba bayazisola nokutshintsha iindlela zabo apho kuyimfuneko. Yiloo nto uThixo wakholiswa ngabo kwaza kwathiwa eBhayibhileni bangamadoda athembekileyo.

SINOKUFUNDA NTONI?

Ekubeni singafezekanga, siya kusoloko sizenza iimpazamo. (Roma 3:23) Kodwa xa senze impazamo, kumele kucace ukuba siyazisola size siyilungise.

UYobhi, uLote noDavide benza ntoni ukuze balungise iimpazamo zabo? UYobhi wayeyindoda ethembeke ngentliziyo epheleleyo. Emva kokuba uThixo ethethe naye, wayilungisa indlela awayecinga ngayo waza wacela uxolo ngezinto awayezithethile. (Yobhi 42:6) ULote wayeyithiye njengoYehova indlela embi ababeziphethe ngayo abantu baseSodom naseGomora. Inye nje kuphela into eyaba yingxaki, kukungaphumi kwakhe ngokukhawuleza apho. Kodwa ke ekugqibeleni waphuma waza wasinda xa uThixo etshabalalisa ezo zixeko. Wathobela waza akajonga emva kwizinto awayezishiya. Nangona uDavide wenza isono esibi ngokophula umthetho kaThixo, wabonisa eyona nto yayisentliziyweni yakhe xa waguquka ngokunyanisekileyo waza wacela uYehova ukuba amenzele inceba.—INdumiso 51.

Indlela uThixo awawaphatha ngayo la madoda iyavumelana nendlela abaphatha ngayo abantu abangafezekanga. UThixo “uyakwazi ukuyilwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.” (INdumiso 103:14) Ngoko ke, ukuba uThixo uyazi ukuba siya kuhlala sizenza iimpazamo, ulindele ntoni kuthi?

UThixo “uyakwazi ukuyilwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.”—INdumiso 103:14.

ABANTU ABANGAFEZEKANGA BANOKUMKHOLISA NJANI UTHIXO?

Eyona nto sifanele siyenze ukuze sikholise uThixo siyiva kwicebiso uDavide awalinika unyana wakhe uSolomon. “Wena, Solomon nyana wam, uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo.” (1 Kronike 28:9) Yintoni intliziyo epheleleyo? Yintliziyo ethanda uThixo nezimiseleyo ukwenza ukuthanda kwakhe. Asiyontliziyo engenazimpazamo, kodwa yekuthandayo ukuthobela uThixo nevumayo ukulungiswa. Kukuthanda uThixo nokuthobela okwabangela kuthiwe uYobhi ‘akanakusoleka,’ uLote ‘ulilungisa,’ noDavide wenze “kuphela oko kulungileyo” emehlweni kaThixo. Nangona benza iimpazamo, bakwazi ukumkholisa uThixo.

Ukuba simthanda ngentliziyo yethu yonke uThixo, siza kufuna ukumthobela

Ukuba siye saneengcinga ezimbi, sathetha into esizisolayo ngayo okanye senza into embi, ifanele isithuthuzele le mizekelo sisandul’ ukuthetha ngayo. UThixo uyazi ukuba asifezekanga. Kodwa ke ulindele ukuba simthande size sizimisele ukumthobela. Ukuba simthanda ngentliziyo yethu yonke uThixo, sinokuqiniseka ukuba nathi sinako ukumkholisa.