Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | AWUNGETHANDI UKUFUNDA IBHAYIBHILE?

Kutheni Umele Ufunde IBhayibhile?

Kutheni Umele Ufunde IBhayibhile?
  • Yintoni injongo yobomi?

  • Kutheni abantu besezintlungwini ezingaka ibe besifa?

  • Lisiphathele ntoni ikamva?

  • Ngaba uThixo undikhathalele?

Awukhe uzibuze imibuzo enjengale? Ukuba kunjalo, akuwedwa. Emhlabeni wonke abantu bajikajikana nale mibuzo. Ziyafumaneka phofu iimpendulo zayo?

Izigidi zabantu zingathi, “Ewe!” Ngoba? Kuba ziye zaneliseka ziimpendulo ezizifumene eBhayibhileni. Wena awungethandi ukwazi ukuba iBhayibhile ithini xa iphendula? Ukuba kunjalo, mhlawumbi ungakuvuyela ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. *

Yinyani kona ukuba xa kuthethwa ngeBhayibhile abanye badla ngokuthi: “Ndixakekile.” “Inzima kakhulu.” “Andifuni kuzibophelela.” Kodwa abanye babona ngeny’ indlela. Bayalivuyela ithuba lokwazi oko kufundiswa yiBhayibhile. Nantsi eminye imizekelo:

  • “Ndakhe ndakhonza eRoma nakwicawa yamaProtestanti, ndaya kwitempile yamaSikh, ndazama unqulo lwamaBhuda, ndaza ndafundela nobufundisi eyunivesithi. Phantsi kwezo nzame, uninzi lwemibuzo endandinayo ngoThixo ayizange iphenduleke. Ngenye imini ndafikelwa liNgqina likaYehova kwam. Iimpendulo zalo ezisekelwe eBhayibhileni zandivuyisa kangangokuba ndavuma ukufunda nalo iBhayibhile.”—UGill waseNgilani.

  • “Ndandinemibuzo emininzi ngobomi, kodwa ndandingaziva ncam iimpendulo zomfundisi wam. Ndancendwa liNgqina kaYehova elayiphendula yonke imibuzo endandinayo ngeBhayibhile nje kuphela. Xa landibuza ukuba ndingathanda ukufunda okungakumbi, ndalixhakamfula elo thuba.”—UKoffi waseBenin.

  • “Ndandisoloko ndizibuza ngemeko yabafi. Ndandikholelwa ukuba bayakwazi ukwenzakalisa abaphilayo, kodwa ndandifuna ukwazi oko kuthethwa yiBhayibhile. Ngoko ke, ndaqalisa ukufunda iBhayibhile nomhlobo wam oliNgqina.”—UJosé waseBrazil.

  • “Ndazama ukuzifundela iBhayibhile, kodwa ndandingayiva. Ndaye ndafikelwa ngamaNgqina kaYehova aza andicacisela iziprofeto zeBhayibhile eziliqela. Ndandifuna ukubona ukuba yintoni enye endandinokuyifunda.”—UDennize waseMexico.

  • “Ndandizibuza ukuba undikhathalele nyhani na uThixo. Ndaza ndagqiba kwelokuba ndithandaze kuThixo weBhayibhile. Kusuku olulandelayo, ndeva kunkqonkqoza amaNgqina, ndavuma ke ukuba andifundele iBhayibhile.”—UAnju waseNepal.

Le mizekelo isikhumbuza la mazwi athethwa nguYesu: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) Kaloku sidalwe sanomnqweno wokumazi uThixo, ibe nguye kuphela okwaziyo ukwanelisa loo mnqweno esebenzisa iLizwi lakhe iBhayibhile.

Kwenziwa ntoni kwisifundo seBhayibhile? Singakunceda njani wena? Le mibuzo iza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.

^ isiqe. 8 UYehova ligama likaThixo eliseBhayibhileni.