Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBhayibhile Lilo Ngokwenene ILizwi LikaThixo Eliphefumlelweyo

IBhayibhile Lilo Ngokwenene ILizwi LikaThixo Eliphefumlelweyo

Wayethetha ukuthini kanye kanye umpostile uPawulos xa weyesithi iBhayibhile “iphefumlelwe nguThixo”? (2 Timoti 3:16) Ekubeni uPawulos wayebhala ngolwimi lwesiGrike, wasebenzisa igama elithetha “ukufakwa umoya nguThixo.” Ngaloo ndlela, uPawulos wayethetha ukuba uThixo walathisa ababhali beBhayibhile ngomoya wakhe oyingcwele ukuze babhale kuphela izinto awayefuna bazibhale.

Umpostile uPetros wathi aba babhali beBhayibhile  “bathetha ngokuphuma kuThixo njengoko babeqhutywa ngumoya oyingcwele.” (2 Petros 1:21) Kungenxa yoko nompostile uPawulos wathi iincwadi zeBhayibhile ‘ziyimibhalo engcwele enako ukukunika ubulumko obusa elusindisweni ngokukholwa kuKristu Yesu.’—2 Timoti 3:15.

Abantu abaninzi bayikhaba ngawo omane into yokuba iBhayibhile yabhalwa nguThixo. Abahlalutyi baye bakuhlasela ngolunya ukuchana kweBhayibhile, “bezigatya ngokungenalusini izinto ezithethayo,” njengoko watshoyo noMhlekazi uCharles Marston. Abanye bathi “iyingqokelela nje yeentsomi namabali akudala.”

Hlola Ubungqina

Yintoni ekwenza ubathembe abantu odibana nabo?

Ngaba iBhayibhile inokuthenjwa? Kubalulekile ukuba wenze isigqibo esifanelekileyo kule nkalo. Ngoba? Kaloku ukuba iBhayibhile ivela kuThixo ngenkqu, ibiya kuba bubudenge ukungayinanzi. Awuyi kuyivumela ilawule izenzo neenkolelo zakho ukuba uyijonga kuphela njengamazwi abantu kungekhona iLizwi likaThixo.—1 Tesalonika 2:13.

Unokusenza njani isigqibo? Yintoni edla ngokukwenza ubathembe abantu odibana nabo? Ngokuqinisekileyo akulula ukuthemba nabani na ongamazi kangako. Uye umthembe emva kwexesha elithile njengoko usiya umazi. Unokuyazi ngaloo ndlela ke neBhayibhile. Musa ukuzamkela ngaphandle kokuziphonononga izinto ezimbi ezithethwa ngeBhayibhile nezinokukwenza ungayithembi. Ziphe ithuba lokuhlola ubungqina obuxhasa ukuba iBhayibhile “iphefumlelwe nguThixo.”

Ihlaselwa Nangoosinga Bahlobo

Ingakutyhafisi into yokuba ukuchana kweBhayibhile kuhlaselwa nangabantu abathi bayayithanda, bexoka. Ngokutsho kwencwadi  ethi New Dictionary of Theology, namhlanje inkoliso yabahlalutyi beBhayibhile, nangona isithi ingamaKristu, “imi ngelithi iZibhalo zibhalwe ngabantu.”

Uninzi lwabantu bezakwaLizwi bayamthandabuza oyena mbhali weBhayibhile. Ngokomzekelo, abanye bathi incwadi kaIsaya ayizange ibhalwe ngumprofeti uIsaya. Bathi le ncwadi yabhalwa emva kwexesha likaIsaya. IConcise Bible Commentary ebhalwe nguLowther Clarke imi ngelokuba iBhayibhile “ibhalwe ngabantu abahlukahlukeneyo bezizukulwana ezingafaniyo.” Kodwa basibetha ngoyaba isibakala sokuba uYesu Kristu nabafundi bakhe babesoloko bebhekisela kuIsaya njengombhali wale ncwadi.—Mateyu 3:3; 15:7; Luka 4:17; Yohane 12:38-41; Roma 9:27, 29.

Eyona nto imbi nangakumbi kukuba abahlalutyi beBhayibhile abanjengoJ. R. Dummelow bathi iziprofeto ezikwincwadi kaDaniyeli “zabhalwa sele zenzekile waza umbhali wenza ngathi wayeprofeta ngezinto ezaziseza kwenzeka.” Nalapha ababunanzi ubungqina bukaYesu Kristu. UYesu walumkisa ngento “elizothe ebangela isiphanziso, njengoko kwathethwa ngayo ngomprofeti uDaniyeli, imi kwindawo engcwele.” (Mateyu 24:15) Ngaba umKristu ebenokulindela ukuba noYesu Kristu ngokwakhe afak’ isandla kwiyelenqe lokuqhatha abantu—ade axhase imbali eyenziwa isiprofeto? Unotshe!

Ngaba Kwenza Umahluko?

Usenokubuza uthi: “Ngaba kwenza umahluko ukuba ngubani owabhala iincwadi zeBhayibhile?” Ewe, kwenza umahluko omkhulu. Ngaba ubuya kuluthemba uxwebhu olunomyolelo welifa lomhlobo wakho ukuba ubunokuva ukuba aluzange lubhalwe nguye? Masithi iingcali ezithile zikuxelela ukuba olu xwebhu lolomgunyathi—yaye oogxa bomhlobo wakho babhale izinto ababecinga ukuba zifunwa nguye. Ngaba loo nto ibingayi kulwenza lungabi naxabiso olo xwebhu? Ngaba ubuya kuqiniseka ukuba luchaza iminqweno yomhlobo wakho?

Kunjalo nangeBhayibhile. Akumangalisi ukuba abantu abaninzi—nkqu nabo bathi bangamaKristu, bengazisiso izinto ezithethayo ngokunyaniseka, ukuziphatha kakuhle ngokwesondo nezinye izinto. Kukangaphi usiva abagxeki besithi, “Suka, loo nto ikwiTestamente Endala!”—ngokungathi xa into ibhalwe kwiTestamente Endala ayibalulekanga. Abantu bacinga kanjalo nangona umpostile uPawulos wachaza iTestamente Endala ‘njengemibhalo engcwele ephefumlelwe nguThixo.’

Kodwa ke usenokuthi “awukwazi ukugatya bonke ubungqina beengcali nabaphengululi.” Ewe kunjalo! Ngokomzekelo, sifanele sibabulele abaphengululi abasincedayo ukuze sifumane umbhalo wokuqala weBhayibhile. Ewe kona zabakho iimpazamo ezincinane ezenziwayo kuloo mbhalo wokuqala weBhayibhile xa wawumane ukhutshelwa ukutyhubela iinkulungwane. Kodwa ke khumbula ukuba: Kukho umahluko omkhulu phakathi kokubona iimpazamo ezincinane ezenziwayo  xa kwakukhutshelwa iBhayibhile, nokuyinyemba yonke iBhayibhile usithi ziingcinga nje zabantu.

Yiba Nokholo “Kwimibhalo Engcwele”

Sinombulelo kubaphengululi abaye basinceda ukuze sifumane umbhalo wokuqala weBhayibhile

Ngaphambi kokuba athi iBhayibhile iphefumlelwe nguThixo, uPawulos waxelela uTimoti isizathu sokuba iyimfuneko loo mibhalo iphefumlelweyo. Wathi: “Ngemihla yokugqibela.... abantu abangendawo namabhedengu baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa yaye belahlekiswa.” (2 Timoti 3:1, 13) Abantu ababebonakala ‘bezizilumko yaye bekrelekrele’ babesele beqalile kwangomhla kaPawulos ukusebenzisa ‘iingxoxo ezeyiselayo’ ukuze balukuhle abantu baze balwenze buthathaka ukholo lwabo kuYesu Kristu. (1 Korinte 1:18, 19; Kolose 2:4, 8) Ukuze amkhusele kubantu abanjalo, uPawulos wabongoza uTimoti ukuba ‘eme ezintweni awazifunda kwasebusaneni kwimibhalo engcwele’ evela kuThixo.—2 Timoti 3:14, 15.

Kubalulekile ukuba nawe wenze loo nto kule “mihla yokugqibela.” Musa ukuyithatha lula ingozi yokulahlekiswa ngabantu abakrelekrele abasebenzisa “iingxoxo ezeyisayo.” Kunoko, njengamaKristu enkulungwane yokuqala, zikhusele ngokusebenzisa oko ukufunde eBhayibhileni—iLizwi likaThixo eliphefumlelweyo.

AmaNgqina kaYehova aya kulixhakamfula ngazo zozibini ithuba lokukunceda ube nokholo eBhayibhileni. Ngokomzekelo, aya kukufundisa indlela imigaqo yeBhayibhile eye yaluncedo ngayo kuyo yonke imbali, indlela engqinelana ngayo nenzululwazi kwimibandela enxibelelene nayo; indlela evumelana ngayo ukususela ekuqaleni ukusa ekugqibeleni; nendlela eziye zachana ngayo iziprofeto zayo xa zizaliseka, nezinye izinto ezininzi. Zive ukhululekile ukubhalela abapapashi beli phephancwadi ukuze ufumane ulwazi oluncede izigidi zabantu zabona ukuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo.