Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yenza Abahlobo

Yenza Abahlobo

Ingxaki

Xa sisoloko sibaphepha abantu esingabathandiyo, umkhethe esele sinawo ungakhula. Enye into, xa sinabahlobo abafana nathi kuphela, sisenokucinga ukuba indlela esenza ngayo, esicinga ngayo nesiziva ngayo yeyona yamkelekileyo.

Umgaqo WeBhayibhile

“Vulani iintliziyo zenu.” —2 KORINTE 6:13.

Ithetha ukuthini le nto? Xa kuthethwa ‘ngeentliziyo’ zethu, kuthethwa ngendlela esiziva ngayo nezinto esizithandayo. Ukuba sithanda abantu abafana nathi kuphela, siyazivala iintliziyo zethu. Ukuze zingavaleki ke, masizimisele ukwenza abahlobo nakubantu abangafaniyo nathi.

Indlela Ekunceda Ngayo Ukwenza Abahlobo

Xa sizama ukubazi kakuhle abantu, sitsho sisiqonde isizathu sokuba benze izinto ngendlela abazenza ngayo. Ibe xa siqalisa ukubathanda, sitsho silibale nokuba abafani nathi. Njengokuba sisiya sibathanda, izinto ezibenza bavuye nathi ziza kusenza sivuye, nezinto ezibakhathazayo ziza kusenza buhlungu.

Khawucinge ngento eyenzeka kuNazaré. Wayengabafuni abantu abasuka kwamanye amazwe. Xa echaza into eyamncedayo, uthi: “Ndachitha ixesha nabo, ndaza ndasebenza nabo. Ndadibana nabantu abangeyiyo tu le nto kuthiwa bayiyo. Xa abantu abangafaniyo nawe ubenza abahlobo bakho, uye ubone ukuba ‘tyhini bayathandeka.’”

Into Onokuyenza

Khangela amathuba okuthetha nabantu abasuka kwamanye amazwe nabathetha ulwimi olungafaniyo nolwakho.

  • Unokubacela ukuba bakuxelele ngabo.

  • Ubameme ukuze nitye nonke.

  • Ubamamele kakuhle xa bekubalisela ngobomi babo, uze uzame ukujonga ukuba yintoni ebalulekileyo kubo.

Ukuba uzama ukuqonda ukuba ziintoni ezikhe zenzeka kubo, uza kusiqonda isizathu sokuba benze izinto ngendlela abazenza ngayo. Le nto ingakunceda ubathande uze uthande nabantu abafana nabo.