Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UThixo ‘omamela imithandazo,’ uyavuya xa sithetha naye.—INDUMISO 65:2

Qhubeka Uthandazela Ububele BukaThixo

Qhubeka Uthandazela Ububele BukaThixo

UThixo wanika abantu isipho esixabisekileyo sokuthandaza, ukuze bamchazele indlela abaziva ngayo. Umprofeti uDavide wathandaza wathi: “Owu wena umamela imithandazo, zonke iintlobo zabantu ziza kuza kuwe.” (INdumiso 65:2) Kodwa ungathandaza njani ukuze uviwe uze uncedwe nguThixo?

ZITHOBE, UTHANDAZE NGOKUSUKA ENTLIZIYWENI

Imithandazo yethu isinceda sikwazi ukuxelela uThixo “zonke izinto ezisentliziyweni,” simxelele eyona ndlela siziva ngayo. (INdumiso 62:8) USomandla uyixabisa kakhulu imithandazo esuka entliziyweni.

UTHIXO MBIZE NGEGAMA LAKHE XA UTHANDAZA KUYE

Nangona uThixo ebizwa ngeendlela ezininzi, unegama elinye kuphela. “NdinguYehova. Ligama lam elo.” (Isaya 42:8) Igama elithi Yehova livela phantse kube kayi-7 000 kwiNcwadi Evela KuThixo. Abaprofeti abaninzi babembiza ngegama lakhe. UAbraham wade wathi: “Owu yhini Yehova, . . . ndivumele ndithethe [nawe].” (Genesis 18:30) Nathi xa sithandaza, masisebenzise igama elithi Yehova.

SEBENZISA ULWIMI LWAKHO XA UTHANDAZA

UThixo usiva kakuhle xa simchazela izinto esizicingayo, nendlela esiziva ngayo, nokuba sisebenzisa oluphi ulwimi. ILizwi lakhe liyasiqinisekisa ukuba: “UThixo akakhethi, kodwa kuzo zonke iintlanga wamkela nabani na omoyikayo nowenza izinto ezilungileyo.”​—IZenzo 10:34, 35.

Kodwa ke, ukuze sincedwe nguThixo kufuneka singathandazi nje qha. Kula manqaku alandelayo, siza kufunda ngento esifanele siyenze.