Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Inkathalo KaThixo Ingakunceda Njani Wena?

Inkathalo KaThixo Ingakunceda Njani Wena?

UThixo udale imizimba yethu ukuba ikwazi ukuzinyanga. Xa sisikwe yinto, sigruzukile, okanye sihlatywe yinto, imizimba yethu “iqalisa inkqubo entsonkothileyo yokunyanga elo nxeba enoba likhulu okanye lincinci.” (Johns Hopkins Medicine) Ngoko nangoko umzimba uye uzame indlela yokuyekisa ukopha, uvule imithambo, uvale elo nxeba, uze uqinise inyama ekufutshane nalo.

KHAWUZIBUZE: Ukuba uMdali udale umzimba wakho ukuba ukwazi ukuzinyanga, ngaba loo nto ayikwenzi uqiniseke ukuba angawanceda aphile namanxeba omphefumlo onawo? Umdumisi wathi: “Uyabaphilisa abo baphuke intliziyo, uyazibopha iindawo zabo ezibuhlungu.” (INdumiso 147:3) Ukuba uziva uxhelekile okanye wonzakele emphefumlweni, ungaqiniseka njani ukuba uYehova uza kuwabopha amanxeba akho​—ngoku nakwixesha elizayo?

ISIFUNDISA NTONI YONA IBHAYIBHILE?

UThixo uthi: “Musa ukoyika, kuba ndinawe. Musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho. Ndiza kukuqinisa. Ndiza kukunceda ngokwenene.” (Isaya 41:10) Umntu oyaziyo into yokuba uhoyiwe nguYehova uye axole aze akwazi ukunyamezela. Umpostile uPawulos uthi xa echaza le nto ‘luxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda.’ Waphinda wathi: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.”​—Filipi 4:4-7, 9, 13.

IBhayibhile isinceda sizikholelwe izinto athi uYehova uza kusenzela zona. Ngokomzekelo, ISityhilelo 21:4, 5 sisixelela ngento aza kuyenza nesizathu sokuba simthembe ukuba uza kuyenza:

  • “Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni” abantu. UYehova uza kuziphelisa zonke izinto ezimbi ezisehlelayo namaxhala esinawo, noba kwabanye abonakala engabalulekanga.

  • “Lowo uhleli etroneni” kuzuko lwasezulwini, uKumkani onguSomandla kwindalo yonke uza kusebenzisa amandla akhe negunya ukuze aphelise zonke izinto ezimbi ezisehlelayo aze asinike uncedo esiludingayo.

  • UYehova uyasiqinisekisa ukuba izithembiso zakhe ‘zithembekile yaye ziyinyaniso.’ UYehova ufunga ngegama lakhe ukuba uza kuzizalisekisa izithembiso zakhe.

“‘Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.’ Waza Lowo uhleli etroneni wathi: ‘Khangela! Zonke izinto ndizenza ntsha.’ Kanjalo, uthi: ‘Bhala, kuba la mazwi athembekile yaye ayinyaniso.’”​—ISityhilelo 21:4, 5.

Indalo kunye neBhayibhile zisibonisa ubuntu neempawu zikaBawo wethu wasezulwini. Nakuba indalo isigwegweleza isimemo sokuba sisondele kuThixo kwaye simenze uMhlobo wethu, iBhayibhile yona iyibeka icace le nto, ithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) IZenzo 17:27 zithi: ‘Akakude kuye ngamnye wethu.’

Njengoko uzipha ixesha lokwazi uThixo, iza kuya icaca kuwe into yokuba uThixo ‘ukukhathalele.’ (1 Petros 5:7) Kunceda ngantoni ukumthemba uYehova?

Masenze umzekelo ngoToru waseJapan. Wayekhuliswe ngumama ongumKristu, kodwa waye wangena kwiqela lemigulukudu elinobundlobongela laseJapan ekuthiwa yiyakuza. Uthi, “Ndandisithi uThixo akandifuni, ndicinga ukuba ukusweleka kwezihlobo zam, ngakumbi ezo ndandizithanda kakhulu, kwakusisohlwayo sam.” UToru uyavuma ukuba le ndlela awayephila nawayecinga ngayo yamenza “isikhohlakali somntu esingenaxesha lamntu.” Xa echaza eyonanto wayefuna ukuyenza ebomini uthi “Ndandifuna ukufa ndisemncinci emva kokuba ndibulele umntu odumileyo kunam ukuze ndizenzele igama.”

Kodwa xa uToru nomkakhe, uHannah, bafundelwa iBhayibhile, wayitshintsha indlela awayephila nawayecinga ngayo. UHannah uthi: “Ndambona ngala wam amehlo umyeni wam etshintsha.” Ngoku uToru uthi: “Ukhona uThixo osikhathaleleyo sonke thina bantu. Akafuni abantu bafe kwaye ukulungele ukubaxolela abantu abaguquka nyhani kwizono zabo. Uyazimamela izinto esingenakuzithetha nomnye umntu nezinto ezingenakuqondwa mntu. Kwixesha elizayo, uYehova uza kuzisusa zonke iingxaki, izinto ezibuhlungu nezinto ezisikhathazayo. Phofu ke nangoku usinceda ngeendlela esingazilindelanga. Usihoyile kwaye uyasinceda xa sityhafile.”—INdumiso 136:23.

Njengokuba umzekelo kaToru ubonisa, ukwazi ukuba uThixo uza kuziphelisa iintlungu aze osule iinyembezi emehlweni abo bonke abantu, kusenza sibe nethemba ngekamva kwaye siphile bhetele nangoku. Nangona siphila kwihlabathi elizaliswe zizinto ezimbi nezibuhlungu, singakwazi ukuxhamla kwinkathalo kaThixo.