Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ayisasebenzi Okanye Iseluncedo?

Ngaba Ayisasebenzi Okanye Iseluncedo?

ISAYENSI

IBHAYIBHILE ASIYONCWADI YESAYENSI, KODWA IZINTO EZITHETHAYO OOSOSAYENSI BAZIQONDA SELE KUDALA YABHALWA. NANTSI IMIZEKELO EMBALWA.

Ngaba indalo esiyibonayo inesiqalo?

Oososayensi abaziwayo babekade besithi ayinasiqalo. Ngoku bayavuma ukuba indalo inesiqalo. IBhayibhile yayithetha kudala loo nto.​—Genesis 1:1.

Umi njani umhlaba?

Kudala abantu babecinga ukuba umhlaba usicaba. Kwiminyaka yoo-400 Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo, oososayensi abangamaGrike babesithi umhlaba urawundi. Kodwa kudala ngaphambi koko, ngeminyaka yoo-700 Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo, umbhali weBhayibhile uIsaya wathi ‘umhlaba usisazinge okanye urawundi.’​—Isaya 40:22.

Ngaba amazulu aya kuze onakale?

Usosayensi ongumGrike, uAristotle, owayephila kwiminyaka yoo-300 Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo wafundisa ukuba ngumhlaba kuphela owonakalayo, kodwa wona amazulu akasoze atshintshe okanye onakale. Loo nto yahlala ezingqondweni zabantu kangangeminyaka. Kwiminyaka yoo-1800, oososayensi bavumelana ukuba izinto ziyabola ekuhambeni kwexesha, ezisezulwini nezisemhlabeni. Usosayensi uWilliam Thomson, owabangela ukuba le mfundiso idume wafumanisa ukuba xa iBhayibhile ithetha ngezulu nomhlaba ithi: “Zonke ziya kuguga kanye njengesambatho.” (INdumiso 102:25, 26) Lo kaThomson wayeyikholelwa imfundiso yeBhayibhile ebonisa ukuba uThixo unokuyikhusela indalo yakhe ekutshatyalalisweni koko kuguga.​—INtshumayeli 1:4.

Yintoni ebambe iplanethi umhlaba?

UAristotle wafundisa ukuba zonke izidalwa ezisezulwini zinxityiswe ubuqheleqhele, umhlaba umi phakathi kwazo. Ngeminyaka yoo-1700, oososayensi bavuma ukuba kusenokwenzeka ukuba akukho nto ixhase iinkwenkwezi neeplanethi. Incwadi kaYobhi eyabhalwa ngeminyaka yoo-1400 Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo ithi, uMdali ‘uxhoma ihlabathi kokungento.’​—Yobhi 26:7.

EZONYANGO

IBHAYIBHILE, NANGONA INGEYONCWADI YEZONYANGO, YATHETHA KUDALA NGONCEDO LWEZONYANGO.

Ukubahlalisa bodwa abantu abagulayo.

KuMthetho KaMoses abantu abaneqhenqa babehlaliswa bodwa. Kwadlula amakhulu-khulu eminyaka ngaphambi kokuba oogqirha baqalise ukubahlalisa bodwa abantu abanezifo ezosulelayo, kwiminyaka ekwakukho izifo ezininzi ngayo, nto leyo esenziwayo nanamhlanje.​—ILevitikus, isahluko se-13 nese-14.

Ukuhlamba izandla emva kokuba ubambe isidumbu.

De kwangasekupheleni kweminyaka yoo-1800, oogqirha babenyanga abantu bengazihlambanga izandla xa bekhe baphatha izidumbu. Loo nto yabangela ukuba kusweleke abantu abaninzi. UMthetho KaMoses wawusithi umntu obambe isidumbu ungcolile. Wade wayalela ukuba loo mntu kufuneka ahlambe. Loo mithetho iseBhayibhileni yayinceda nasempilweni.​—Numeri 19:11, 19.

Ukugutyulwa kwetuwa.

Nyaka ngamnye abantwana abaninzi babulawa sisifo sorhudo ngenxa yokungagutyulwa kakuhle kwetuwa. UMthetho KaMoses wawusithi ituwa ifanele igqunywe.​—Duteronomi 23:13.

Ixesha lokwaluswa.

UMthetho KaThixo wawusithi usana oluyinkwenkwe lwalufanele lwaluswe xa luneentsuku eziyi-8 luzelwe. (Levitikus 12:3) Kuthiwa igazi losana lukwazi ukwenza amahlwili emva kweveki luzelwe. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, iindlela zonyango zingekahambeli phambili, ukuze ubomi bosana bungabi sesichengeni, kwakufuneka lwaluswe emva kweveki lukho.

Ukonwaba kudibana njani nokuba sempilweni?

Abantu abaphanda ngezonyango noososayensi bathi ukonwaba, ukuba nethemba, ukubulela nokukwazi ukuxolela kuyanceda empilweni. IBhayibhile ithi: “Intliziyo evuyayo iyaphilisa, kodwa umoya oxhwalekileyo womisa amathambo.”—IMizekeliso 17:22.