Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Ukungcakaza

Ukungcakaza

Kwabanye abantu ukungcakaza kukuzonwabisa njee okungenangxaki, ngoxa abanye bekubona kuyingozi.

Ngaba ikho ingxaki ngokungcakaza?

OKUTHETHWA NGABANTU

Abaninzi bakubona njengokuzonwabisa okungeyongozi, ukuba nje akwaphuli mthetho. Zikhona iindlela zokungcakaza ezisemthethweni eziye zincede abantu, njengezo zixhaswa ngurhulumente ezifana nelotho.

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile ayithethi kangako ngokungcakaza. Sekunjalo, inayo imigaqo ebonisa indlela avakalelwa ngayo uThixo ngako.

Oko kuthethwa kukungcakaza—ukwenza imali ngeenyembezi zabanye—kuyangqubana nesilumkiso seBhayibhile esithi, ‘zilindeni kulo lonke uhlobo lwenkanuko.’ (Luka 12:15) Enyanisweni umntu ongcakazayo unyolukile. Iindawo zokungcakaza ziye zithi uza kufumana imali eninzi xa ungcakaza, ngoxa zingakuchazi okwenzekayo xa ungaphumelelanga kuba zisazi ukuba xa abantu befuna ukuphumelela bafaka imali engakumbi kwimidlalo yekhasino. Endaweni yokunceda umntu kwingxaki yokunyoluka, ukungcakaza kumenza anqwenele imali eza lula.

Eyona nto isukelwa ngabangcakazi kukufumana imali yabanye abadlali, nto leyo eyenziwa kukuzicingela. Noko ke, iBhayibhile isikhuthaza ukuba ‘sifune, kungekhona ingenelo yethu, kodwa eyomnye umntu.’ (1 Korinte 10:24) Omnye weMithetho Elishumi uthi: “Uze ungayinqweneli . . . nantoni na eyeyedlelane lakho.” (Eksodus 20:17) Xa intliziyo yomntu ongcakazayo isekuzuzeni, uyafana nomincele ukuba abanye baphulukane neyabo imali ukuze kuzuze yena.

IBhayibhile iphinda isilumkise ukuba singajongi ithamsanqa njengomlingo onokusiphathela iintsikelelo. Mandulo kwaSirayeli, kwakukho abantu abamshiyayo uThixo baza balungiselela “uthixo weThamsanqa itafile.” Ngaba ukuzinikela okulolo hlobo “[kuthixo] weThamsanqa” kwakwamkelekile kuYehova uThixo? Hayi, wathi kubo: “Naqhubeka nisenza okubi emehlweni am, nanyula nento endingayoliswanga yiyo.”—Isaya 65:11, 12.

Yinyani ukuba kwamanye amazwe, imali efunyenwe ngokungcakaza okusemthethweni isetyenziselwa imfundo, ukukhulisa ezoqoqosho nakwezinye izinto. Kodwa ekugqibeleni, indlela efunyenwe ngayo ikhuthaza ukubawa, ukuzicingela nokuhlohl’ esakho ngeenyembezi zabanye.

“Uze ungayinqweneli . . . nantoni na eyeyedlelane lakho.”—Eksodus 20:17

Ziziphi iingozi anokungena kuzo umntu ongcakazayo?

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile ilumkisa ngokuthi, “abo bazimisele ukuba zizityebi beyela ekuhendweni nasemgibeni, nakwiminqweno emininzi engekho ngqiqweni neyenzakalisayo.” (1 Timoti 6:9) “Ukubawa” yingcambu yokungcakaza, ibe kuyingozi kangangokuba iBhayibhile ikubala phakathi kwezinto ekufuneka sizilwe.—Efese 5:3.

Ekubeni kusenza umntu afun’ ukutyeba namhlanje, ukungcakaza kumenza ayithande nangakumbi imali, nto leyo iBhayibhile eyibiza ngokuba “yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi.” Umntu unokuzibhaqa sele elawulwa kukuthanda imali, abe namaxhala angapheliyo de aphelelwe nalukholo kuThixo. IBhayibhile ithi abantu ababanjiswe luthando lwemali “[bazingxwelerha] ngeentlungu ezininzi.”—1 Timoti 6:10.

Ukunyoluka kwenza umntu angoneli yimali anayo aze angonwabi. “Umthandi nje wesilivere akayi kwaneliswa yisilivere, nabani na othanda indyebo akaneliswa yingeniso.”—INtshumayeli 5:10.

Izigidi eziye zahendelwa ukuba zingcakaze ziye zazibhaqa sele zichewukile. Le ngxaki isasazeke ihlabathi lonke ibe kuqikelelwa ukuba iMerika nje iyodwa inezigidi ngezigidi zabantu abachewulwe kukungcakaza.

Omnye umzekeliso uthi: “Ilifa lifunyanwa ngokubawa ekuqaleni, kodwa ikamva lalo aliyi kusikelelwa.” (IMizekeliso 20:21) Ukungcakaza kuye kwabafaka ematyaleni abaninzi, baphelelwa yimali, imisebenzi, imitshato nabahlobo. Ukusebenzisa amacebiso eBhayibhile kunokunceda umntu aphephe imiphumo ebuhlungu enokubangelwa kukungcakaza.

“Abo bazimisele ukuba zizityebi beyela ekuhendweni nasemgibeni, nakwiminqweno emininzi engekho ngqiqweni neyenzakalisayo, ekhokelela entshabalalweni nasekonakaleni.”—1 Timoti 6:9.