Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UDLIWANO-NDLEBE | UWENLONG HE

Igcisa Lefiziksi Lichaza Ukholo Lwalo

Igcisa Lefiziksi Lichaza Ukholo Lwalo

UWENLONG HE wafundela ifiziksi eSuzhou, kwiPhondo leJiangsu, eTshayina. Unegalelo ekubhalweni kwephephandaba elithetha ngeteknoloji yaye amaninzi aloo maphephandaba aye apapashwa kwiincwadi zesayensi. Ngoku uWenlong He usebenza kwiYunivesithi iStrathclyde yaseSkotlani. Ekukhuleni kwakhe wayekholelwa ukuba izinto zazivelela, kodwa kamva wagqiba ekubeni ubomi badalwa. UVukani! uye wambuza ngokholo lwakhe.

Khawusichazele ngemvelaphi yakho.

Ndazalwa ndakhulela eTshayina ngo-1963 kummandla okumazantsi oMlambo iYangtze kwiPhondo leJiangsu. Lidume ngemveliso yalo yokutya, ngoko lidla ngokubizwa ngokuba lilizwe lerayisi nentlanzi. Ndisengumntwana ndandidla ngokuzibuza: ‘Kutheni indalo ivelisa ukutya okuninzi kangaka okuneencasa ezahlukahlukeneyo? Ngaba oku kuye kwazenzekela? Yintoni evele kuqala—yinkukhu okanye liqanda?’ Ithe ndii eTshayina inkolelo yokuba uThixo akakho, ngoko esikolweni besifundiswa ukuba izinto zazivelela.

Khawusithele gqaba-gqaba ngentsapho yakowenu.

Abazali bam babekholelwa ukuba uThixo akakho. Umama wayesebenza efama, utata yena wayenekontraka yokwakha. Singabafana abahlanu ekhaya, yaye mna ndiyinkulu. Okubuhlungu kukuba, abantakwethu ababini basweleka besebancinane. Ndandibuhlungu kakhulu, ndaza ndazibuza ukuba: ‘Kutheni abantu besifa? Ngaba ndingaphinda ndibabone abantakwethu kwakhona?’

Yintoni ekwenze wafundela isayensi?

Ndikhethe ukufundela ifiziksi ngenxa yokuba ndandimangaliswa yindalo, yaye ndandicinga ukuba ifiziksi yayinokuyiphendula imibuzo endandinayo ekukhuleni kwam.

Leliphi icandelo lezophando okulo?

Ndiphanda ngendlela yokwenza izinto ezinamandla ombane zisebenze  ngesantya esikhulu ngakumbi esibulingana nesokuhamba kokukhanya. Oku kundinceda ndifunde indlela asebenza ngayo amandla eatom. Ndikwaphanda nangendlela yokusebenzisa amandla ombane kumgama omfutshane nakomde. Nangona uphando lwam lusetyenziswa kwezorhwebo, lukwalilinge lokuzama ukuqonda ukuba indalo yabakho njani.

Yintoni ekwenze waba nomdla eBhayibhileni?

Ngo-1998 kwafika amaNgqina kaYehova amabini ekhayeni lam. Ayiphendula ngokusuka eBhayibhileni imibuzo yam. Umfazi wam, uHuabi, naye ophanda ngesayensi, wahlala wamamela. Zange sayibona iBhayibhile ngaphambili, kodwa sawathanda amacebiso ayo asengqiqweni. Sabona indlela esi sibini esancedakala ngayo ngokusebenzisa kwaso imigaqo yeBhayibhile. Esi sibini sasonwabile yaye siphila ubomi obulula. Ukufunda kwam ngoThixo eBhayibhileni kwandenza ndazibuza kwakhona ukuba akungebi ke nguye owadala indalo? Njengengcali yefiziksi, kungumsebenzi wam ukufuna ukuqonda ngendalo. Ngoko ndagqiba ekubeni ndikucingisise nzulu oku.

Njengengcali yefiziksi, kungumsebenzi wam ukufuna ukuqonda ngendalo. Ngoko ndagqiba ekubeni ndikucingisise nzulu oku

Yintoni owawucingisisa ngayo?

Okokuqala, ndandisazi ukuba izinto eziliqela ezahlukahlukeneyo ezibekwe ndawonye azinakusuka nje zilungelelane kungekho mntu okanye nto izilungelelanisayo. Lowo ngomnye wemithetho yesayensi. Ngoko ekubeni isibhakabhaka nezinto ezidaliweyo ezilapha emhlabeni zilungelelene ngendlela emangalisayo, ndiye ndagqiba ngelithi umele ukuba ukho uMdali ozilungelelanisileyo. Okwesibini ndiye ndaqaphela ukuba isibhakabhaka kunye nomhlaba zenziwe ngendlela yokuba zixhase izinto eziphilayo.

Bubuphi ubungqina obubonileyo bokuba izinto zadalwa?

Ndiphawule ukuba yonke into ephilayo emhlabeni ixhomekeke elangeni. Imitha yelanga iza emhlabeni iziindidi ezahlukahlukeneyo. Enye yale mitha isinika ukukhanya, enye iyimpilo kwizinto eziphilayo, kanti enye inobungozi. Iyamangalisa into yokuphawula ukuba, umoya ojikeleze umhlaba uyayihluza le mitha yelanga, uyithintele leyo enobungozi, uze uvumele leyo eluncedo kuphela ukuba igqithe ifikelele emhlabeni.

Kutheni ikuchukumisile nje loo nto?

Ndachukunyiswa yingxelo yeBhayibhile ethetha ngendalo nangokukhanya. Ithi: “UThixo wathi: ‘Makubekho ukukhanya.’ Kwabakho ke ukukhanya.” * Sisiqingatha nje kuphela semitha enkulu yelanga esivelisa ukukhanya, kodwa ukukhanya kubalulekile kwizinto eziphilayo. Izityalo zifuna ukukhanya ukuze zisivelisele ukutya, yaye nathi sifuna ukukhanya ukuze sikwazi ukubona. Ukuvumela komoya ojikeleze umhlaba ukuba ukukhanya kugqobhoze kuze kufikelele emhlabeni akunakuba yinto yamabona-ndenzile. Enye into emangalisayo kukuba yinxalenye encinane kakhulu yokukhanya kwelanga efikelelayo emhlabeni.

Kutheni kubalulekile nje oko?

Kaloku ukukhanya kwelanga kubalulekile. Inxalenye encinane yako ivelisa uvitamin D oluncedo kulusu lwethu, ekomelezeni amathambo nosikhuselayo kumhlaza nezinye izifo. Kodwa ukukhanya okugqithiseleyo kubangela umhlaza wolusu nokonakala kwamehlo. Umoya ojikeleze umhlaba uvumela inxalenye elingeneyo kuphela yokukhanya ukuba igqobhoze ifikelele emhlabeni. Oko kububungqina kum bokuba ukho umntu owudalileyo umhlaba ngenjongo yokuba kubekho izinto eziphilayo kuwo.

Ngokuthe ngcembe mna noHuabi saye siqiniseka ukuba ukho uMdali yaye uye waphefumlela iBhayibhile. Ngo-2005 saba ngamaNgqina kaYehova, yaye ngoku sinenxaxheba ekufundiseni abanye iBhayibhile.