Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 NGABA YADALWA?

Indlela Isele Elizala Ngayo

Indlela Isele Elizala Ngayo

ISELE laseOstreliya ekukholelwa ukuba laphela ukususela ngo-2002, lalizala ngendlela engaqhelekanga. Eli sele laliwaginya amaqanda alo lize liwagcine esiswini malunga neeveki ezintandathu. Kamva laliye lizale ngomlomo amasele akhule ngokupheleleyo.

Ukuze lingawetyisi amaqanda alo, eli sele kwakufuneka lingatyi lize liyeke nokukhupha iacid esesiswini. Kuyacaca ukuba imichiza ekhutshwa ngamaqanda xa eqanduselwa yayibangela ukuba eli sele lingayikhuphi iacid.

Eli sele lalizala malunga namasele ayi-24. Ngexesha elizala ngalo, abantwana balo babephuma benobunzima obumalunga ne-40 pesenti yobunzima bomzimba walo. Oku bekunokufaniswa nebhinqa ebelinobunzima obuziikhilogram eziyi-68 ngaphambi kokuba likhulelwe abantwana abayi-24 ngamnye wabo enobunzima obuziikhilogram eziyi-1.8. La mantshontsho ayesinweba isisu sikanina ade aminxeke iziphunga kuze kunyanzeleke ukuba aphefumle ngesikhumba sakhe.

Kwakuthatha iintsuku eziliqela ukuzala la mantshontsho. Xa unina ebona ngathi kukho ingozi, wayezala ngokuwahlanza. Abaphandi bakhe babukela enye imazi ikhupha amantshontsho amathandathu iwaticela kumgama onokuba yimitha ubude.

Ukuba indlela yesele yokuzala ayizange idalwe njengokuba abanye besitsho, isele bekuya kufuneka lenze utshintsho olukhulu kwindlela elenza ngayo izinto nakwindlela eliyiyo. UMichael J. Tyler, usosayensi okholelwa ukuba izinto zazivelela uthi: “Yinto engenakwenzeka ukuba likwazi ukutshintsha kwindlela elizala ngayo ukuba sithi alidalwanga, lo mkhwa awunakwenzeka nje kwaphela.” UTyler uphinda athi, ekuphela kwengcaciso esengqiqweni yeyokuba amalungu enzala esele “abumbeka ngaxeshanye.” Oko kuthetha ukuba ladalwa. *

Ucinga ntoni? Ngaba indlela isele elizala ngayo yazivelela? Okanye ngaba yadalwa?

^ isiqe. 7 Kwincwadi yakhe iOrigin of Species, uCharles Darwin wathi: “Ukuqhelana kwezinto eziphilayo nendawo eziphila kuyo kwenzeka kuphela xa iimeko zotshintsho zivuma, akuzenzekeli nje nakanjani.”