Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UDLIWANO-NDLEBE | NOHANS KRISTIAN KOTLAR

Isazi Sebhayoloji Sichaza Ngokholo Lwaso

Isazi Sebhayoloji Sichaza Ngokholo Lwaso

Ngo-1978 uGqr. Hans Kristian Kotlar wasebenza okokuqala kwisibhedlele saseNorway, kwicandelo eliphanda ngesifo somhlaza nenkqubo yomzimba yokulwa izifo (immune system). Ngelo xesha, waba nomdla kwimvelaphi yobomi. UVukani! uye wadlan’ indlebe naye ngophando nangokholo lwakhe.

Yintoni eyakubangela wafuna ukwazi ngobomi?

Utata wayengumKatolika yena umama engumProtestanti. Kodwa babengaluxabisanga kangako unqulo. Xa ndandikhula ndandifuna ukwazi ngobomi, ngoko ndafunda iincwadi ezithetha ngobuBhuda, ubuHindu nobuSilamsi. Ndade ndacela uThixo ukuba andityhilele inyaniso.

Ngeminyaka yee-1970, ulwazi lwebhayoloji lwalusanda ngendlela emangalisayo, ibe ndandinomdla wokwazi ukuba lwaluza kuyityhila kusini na imvelaphi yobomi. Ndaba nomdla kwindlela ezisebenza ngayo iiseli zomzimba, ndaza ndakhetha ukufunda ibhayoloji. Inkoliso yezinye iingcali ezazisifundisa zazisithi ubomi bazivelela, ibe ndandizikholelwa.

Yintoni ekwenze watsaleleka eBhayibhileni?

Kwafika amaNgqina kaYehova amabini ekhayeni lam. Nangona ayenobubele, ndaphendula krwada ndiwaxelela ukuba andinamdla. Umfazi wam wandiva waza wathi, “Yinton’ ukuphox’ abantu kangaka Hans Kristian! Ubusolok’ unomdla nje ekwazini imvelaphi yobomi, kusuke kwathini ngoku?” Ndaba neentloni, kuba wayenyanisile. Ngoko ndawaleqa la maNgqina. Njengoko sasincokola, ndawabuza ukuba iBhayibhile iyavumelana na nesayensi.

Aphendula athini?

Andibonisa eBhayibhileni ukuba ngubani owadala zonke izinto esizibonayo. Afunda isibhalo esithi: “Phakamiselani amehlo enu phezulu nize nibone. Ngubani na odale ezi zinto? . . . Ngenxa yamandla amakhulu, kanjalo womelele ngamandla, akukho nanye esalayo.” * La mazwi andichukumisa. Ibe yayibonakala isengqiqweni into yokuba nguMdali okrelekrele odale izinto esizibonayo.

 Wayitshintsha ke ingcinga yokuba izinto zazivelela?

Ethubeni ndaye ndaqonda ukuba iingcamango zokuba izinto zazivelela azinasihlahla. Ndafumanisa ukuba ziziintsomi nje ezikhiw’ emoyeni zokuzama ukuxhasa inkolelo yokuba inkqubo emangalisayo yomzimba yokulwa nezifo yazivelela. Kodwa okukhona ndifunda ngenkqubo yomzimba yokulwa izifo, kokukhona ndaya ndikuqonda ukuntsonkotha nokuba luncedo kwayo. Ngoko uphando lwam lwenza ndacacelwa ukuba ubomi abuzange buzivelele, kodwa kukho uMdali okrelekrele.

Uphando lwam lwenza ndacacelwa ukuba ubomi abuzange buzivelele, kodwa kukho uMdali okrelekrele

Khawusithele gqaba-gqaba ngophando lwakho.

Ndifumanise ukuba inkqubo yomzimba yokulwa izifo yenziwe ngobuchule obungummangaliso ukuze isikhusele kwiintsholongwane. Le nkqubo iziinxalenye ezimbini ezisebenzisanayo. Inxalenye yokuqala izilwa zisuka nje iintsholongwane zakuba zingenile emzimbeni. Yona inxalenye yesibini iqalisa emva kweentsuku ezimbalwa ukulwa neentsholongwane ezibonakala zinenkani, kodwa apho ihlasele khona iyaqinisekisa ukuba akusali nokuba ibe nye. Enye into ke kukuba, le nxalenye yesibini inenkumbulo engummangaliso, ngoko xa intsholongwane ethile iphinda ihlasela emva kweminyaka, iyayikhumbula ize iyilwe ngoko nangoko. Ngangendlela ecokisa ngayo le nkqubo yomzimba yokulwa izifo, amaxesha amaninzi uye ungaqapheli nokuba ubukhe wangenwa yintsholongwane. Okunye okumangalisayo kukuba le nkqubo iyakwazi ukwahlula intsholongwane kumakhulukhulu eeseli ezibumba umzimba wethu.

Khawusixelele, kwenzeka ntoni xa intsholongwane ingena emzimbeni?

Iintsholongwane zingena emizimbeni yethu ngeempumlo, ngomlomo, ngamalungu enzala, okanye zigqobhoze kulusu lwethu. Xa ungenwa yintsholongwane, umzimba wakho uvelisa izakha-mzimba zokulwa nayo. Ukuba intsholongwane inenkani, ezi zakha-mzimba ziyaphindaphindeka ukuze zibe namandla okumelana nayo. Le nkqubo ikushiya ubamb’ ongezantsi!

Ngaba ungathi ulwazi lwakho lwesayensi lukwenze wakholelwa kuThixo?

Yitsh’ uphinda! Ukuntsonkotha kwenkqubo yomzimba yokulwa izifo kubonisa mhlophe ukuba kukho uMdali okrelekrele nonothando. Kwakhona isayensi iye yandenza ndayikholelwa iBhayibhile. Ngokomzekelo, iMizekeliso 17:22 isixelela ukuba “intliziyo evuyayo iyaphilisa.” Abaphengululi baye bafumanisa ukuba indlela esivakalelwa ngayo inokuyichaphazela inkqubo yomzimba yokulwa izifo. Ngokomzekelo, ukuba sinestres, amandla ethu okulwa nezifo asenokuba buthathaka.

Ezinye izazi zebhayoloji azikholelwa kuThixo. Kubangelwa yintoni oko?

Zinezizathu ezingafaniyo. Ezinye, njengam lo, zamkela nje loo nto ziyifundiswayo, mhlawumbi kuba zisithi inkolelo yokuba izinto zazivelela iyangqinwa yisayensi. Ngelishwa, ezinye azicingi nokucinga ukuba ubomi baqala njani. Ndicinga ukuba ukubuza imibuzo kungazinceda.

Kwakutheni ukuze ube liNgqina likaYehova?

Ndatsalwa bububele bawo nokholo lwawo kwisithembiso soMdali sekamva elibhetele. * Yaye olo kholo lusekelwe kuphando nakubungqina obuvakalayo, kungekhona kwiintsomi okanye uqikelelo. *