Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Ngaba Kwayilwa?

Ukunyakazela Ngocwangco Kweentlanzi

Ukunyakazela Ngocwangco Kweentlanzi

Nyaka ngamnye baba ngaphezu kwesigidi abantu abafa kwiingozi zeemoto kuze kwenzakale abamalunga nezigidi ezingama-50. Ukanti, inyambalala yezigidi zeentlanzi iyakwazi ukuhamba emanzini ngaphandle kokugilana. Zikwenza njani oku, yaye yintoni esinokuyifunda kuzo ukuze sinciphise iingozi zeemoto?

Khawucinge ngoku: Ezi ntlanzi zincedwa ngamehlo ukuze zibone izinto ezizingqongileyo kuquka umgca osecaleni onemingxunyana enezivamvo eziya kwithambo lomqolo. Zincedwa zezi zivamvo ukuze zazi indawo ezikuyo ezinye iintlanzi ezikufuphi nazo, zize zizeke mzekweni ngolu hlobo:

  1. Enye ihamba ecaleni kwenye. Zihamba ngesantya esifanayo nezo zihamba ecaleni kwazo ukuze zigcine umgama ofanayo phakathi kwazo.
  2. Ziyasondelelana. Zizama ukusondela kwezo zikude.
  3. Ziphepha ungquzulwano. Ziyajika ziphepha ukugilana nezinye.

Ngokusekelwe kwezo nkalo zintathu, inkampani eyenza iimoto eJapan iye yenza iimoto ezininzi zerobhothi ezincinane ezihamba ziliqela kodwa zingagilani. Endaweni yamehlo, ezi robhothi zisebenzisa ubugcisa bokunxibelelana, endaweni yomgca osecaleni, zisebenzisa ilaser. Le nkampani ikholelwa ukuba oku kuza kuyinceda ivelise iimoto “ezingagilaniyo” nezingayi kungcolisa moya kuquka “ukuxinana.”

UToshiyuki Andou injineli ephambili yezi robhothi zeemoto uthi, “Siye sasebenzisa ubugcisa be-elektroniki ukuze sixelise ezi ntlanzi. Kweli shishini leemoto, kuninzi esinokukufunda kwindlela ezinyakazela ngayo iintlanzi.”

Ucinga ntoni? Ngaba ukunyakazela ngocwangco kweentlanzi yinto yamabona-ndenzile? Okanye ngaba kwayilwa?