Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

CreativeDesignArt/DigitalVision Vectors via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Ngaba Abantu Bazo Zonke Iintlanga Bangaze Baphathwe Ngokufanayo?—Ithini IBhayibhile?

Ngaba Abantu Bazo Zonke Iintlanga Bangaze Baphathwe Ngokufanayo?—Ithini IBhayibhile?

 Kubantu abaninzi, into yokuba abantu beentlanga ezingafaniyo bangaze baphathwe ngendlela efanayo liphupha njee elingekenzeki.

  •    “Ukucalucalulwa kwabantu kusaqhubeka kumosha yonke indawo, apho abantu bahlala khona, nendlela abaphila ngayo. Ibe kwenza abantu baphathane kakubi.”—UAntónio Guterres, ongunobhala-jikelele weZizwe Ezimanyeneyo.

 Ngaba abantu bazo zonke iintlanga bangaze baphathwe ngokufanayo? Ithini iBhayibhile?

Uziva njani uThixo ngento yokuba abantu baphathwe ngendlela efanayo?

 IBhayibhile iyasifundisa ukuba uThixo uziva njani ngabantu beentlanga ezingafaniyo.

  •    “[UThixo] zonke iintlanga wazenza ezikhupha emntwini omnye ukuze zihlale kuwo wonke umhlaba.”—IZenzo 17:26.

  •    “UThixo akakhethi, kodwa kuzo zonke iintlanga wamkela nabani na omoyikayo nowenza izinto ezilungileyo.”—IZenzo 10:34, 35.

 IBhayibhile ithi bonke abantu basuka kwintsapho enye ibe uThixo wamkela abantu beentlanga zonke.

Indlela ekuza kupheliswa ngayo ukuphathwa kweentlanga ngendlela engafaniyo

 BuBukumkani bukaThixo, obungurhulumente osezulwini, obuza kuphelisa ukuphathwa kweentlanga ngendlela engafaniyo. Lo rhulumente uza kufundisa abantu indlela yokuphathana kakuhle. Abantu baza kutsho bakwazi ukuyeka ukungabathandi okanye ukucalucalula abantu bezinye iintlanga.

  •    “Abemi bawo [umhlaba baza kutsho] . . . bafunde ngobulungisa bakho.”—Isaya 26:9.

  •    “Ubulungisa bokwenene buza kubonakala ngokubakho koxolo, nesiqhamo sobulungisa bokwenene sibe kukuzola nokukhuseleka.”—Isaya 32:17.

 Namhlanje, abantu abaninzi bafunda eBhayibhileni indlela yokuphatha abanye ngembeko.