Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IJW LANGUAGE

Izinto Onokuzenza KuJW Language

Izinto Onokuzenza KuJW Language

Iquka Iilwimi Ezininzi

Khetha ulwimi oluthethayo okanye ofuna ukulufunda kwezi lwimi ziyi-18. Khetha phakathi kwesiBengali, isiTshayina (Esenziwe Salula) esinamazwi arekhodwe ngesiMandarin, isiNgesi, isiFrench, isiJamani, isiHindi, isi-Indonesia, isiTaliyane, isiJapan, isiKorea, isiMyanmar, isiPhuthukezi, isiRashiya, iSpanish, isiSwahili, isiTagalog, isiThai nesiTurkish.

 

Inezinto Zentsimi

Amagama namabinzana eJW Language athetha ngokushumayela, ngokufundisa nangesigama seBhayibhile. Kukwakho namaphecana aliqela aveza ulwimi lwakho nolwimi olufundayo ngaxeshanye.

 

Iindlela Ezilula Zokufunda

  • Funda: Ulwimi lwakho nolwimi olufundayo ngaxeshanye

  • Phulaphula: Amagama, amabinzana noncwadi lolwimi olufundayo

  • Bukela: Ividiyo ethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile? nethi Kwenzeka Ntoni Xa Kufundwa IBhayibhile? ngolwimi lwakho nangolu ulufundayo

  • Imibuzo: Amakhadi okuzikhumbuza

Ukugcina Ozithandayo

Uyakwazi ukugcina nantoni na ukuze ukhawuleze uyifumane, kwizinto ozisebenzisa kakhulu okanye kwezikusokolisayo. Ezo uzigcinileyo ungakwazi ukuzijonga nakumakhadi okuzikhumbuza.

Oonobumba BesiRoma

Kwiilwimi ezingasebenzisi oonobumba besiRoma, amagama namabinzana abhalwe nangoonobumba besiRoma.

Uncedo

Ukuba unengxaki neJW Language, nceda uzalise uze uthumele ifomu yoncedo.