Yiya kwinkcazelo

NGABA YADALWA?

Indlela Ozicoca Ngayo Umzimba Womnenga

Indlela Ozicoca Ngayo Umzimba Womnenga

 Oonokrwece nezinye izinto eziphilayo ezikhula elwandle ziye zincamathele kwiinqanawa, ibe loo nto iba yingxaki kakhulu kubantu beenqanawa. Lo monakalo ziwenzayo unokwenza inqanawa icothe, isebenzise amafutha amaninzi, kuze kufuneke ukuba iyeke ukusetyenziswa emva kweminyaka embalwa kuba idinga ukuyococwa. Oososayensi bakhangela kwindalo ukuba bangayilungisa njani le ngxaki.

 Cinga ngale nto: Uphando lubonisa ukuba iminenga emikhulu iyakwazi ukucoca isikhumba semizimba yayo. Ngaphandle inezinto ezincinci kakhulu ekuthiwa ziinanoridges. Ndlela le zincinci ngayo kunokuba nzima ukuba oonokrwece bancamathele kuzo. Phakathi kwazo kukho incindi ebulala izityalo ezikhula phantsi kwamanzi neentsholongwane. Umnenga ukhupha incindi entsha njengokuba uveza isikhumba esitsha.

 Oososayensi bacinga ukulinganisa le ndlela umnenga uzicoca ngayo baze bayisebenzise kwiinqanawa. Kudala kwakusetyenziswa ipeyinti eyayisenza kungabikho nto incamathelayo kwinqanawa. Kodwa eyona yayisetyenziswa ayisavumelekanga ukuba isetyenziswe kuba iyingozi kwizinto eziphilayo eziselwandle. Abaphandi bacinga ukuyilungisa le ngxaki ngokogquma imingxunya ekhupha ikhemikhali engeyongozi ngentsimbi eyenziwe yathamba. Le khemikhali iye iqine ibe yincindi xa idibene namanzi olwandle, ize yogqume inqanawa yonke. Ekuhambeni kwexesha, le ncindi iqinileyo elingana no-0.7 millimeters iye isuke zize zonke izinto ebezincamathele kuyo zisuke nayo. Emva koko, kuphinde kuphume incindi entsha ize yogqume inqanawa.

Oonokrwece benza inqanawa icothe ibe kubenzima ukubasusa

 Uphando oluye lwenziwa lubonisa ukuba le nto inokuwunciphisa kakhulu umonakalo owenzeka kwiinqanawa. Le nto ingazinceda kakhulu iinkampani ezisebenzisa iinqanawa kuba ukuzikhupha emanzini ukuze zicocwe kubiza kakhulu.

 Ucinga ntoni? Ngaba indlela umnenga owucoca ngayo umzimba wawo yazivelela? Okanye ngaba yadalwa?