Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

INdumiso 37:4—“Vuya Kakhulu NgoYehova”

INdumiso 37:4—“Vuya Kakhulu NgoYehova”

 “Vuya kakhulu ngoYehova, uza kukunika izinto ezifunwa yintliziyo yakho.”—INdumiso 37:4, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Ziyolise ngoYehova; wokunika okunqwenelwa yintliziyo yakho.”—INdumiso 37:4, IZibhalo Ezingcwele.

Into ethethwa yiNdumiso 37:4

 Umdumisi ukhuthaza abakhonzi bakaThixo ukuba bavuye kuba benobuhlobo obusondeleleneyo Naye. Bonke ababuvuyelayo obo buhlobo bangaqiniseka ukuba uYehova a uThixo uza kubanelisa kwizinto abazinqwenelayo.

 “Vuya kakhulu ngoYehova.” Ezinye iinguqulelo ziwachaza kanje la mazwi, “fumana olona vuyo lukhulu kuYehova,” “vuyiswa kukukhonza iNkosi,” okanye “vuyiswa yinto oyithenjiswe yiNkosi.” Eyona nto ithethwayo apha kukuba “fumana olona vuyo lukhulu ngokukhonza uThixo oyinyaniso.” (INdumiso 37:4, umbhalo osemazantsi) Kutheni sisitsho?

 Njengoko kuboniswe eBhayibhileni, abo bakhonza uYehova kufuneka bazijonge izinto ngendlela azijonga ngayo. Abapheleli nje ekumazini uThixo, kodwa bakujonga njengobulumko ukumthobela. Loo nto ibangela ukuba babe nesazela esicocekileyo baze bakuphephe ukungena ezingxakini. (IMizekeliso 3:5, 6) Ngokomzekelo, ababi nomsindo okanye babe nomona xa bebona abantu abenza izinto ezimbi bebonakala bephumelela. (INdumiso 37:1, 7-9) Abantu bakaThixo bavuyiswa kukwazi ukuba uza kubuphelisa bonke ububi aze abasikelele abo baziphethe kakuhle. (INdumiso 37:34) Bavuyela ukwazi ukuba uThixo uyavuyiswa ngabo.—INdumiso 5:12; IMizekeliso 27:11.

 “Uza kukunika izinto ezifunwa yintliziyo yakho.” La mazwi anokuguqulelwa ngokuthi “uza kuyiphendula imithandazo yakho” okanye “uza kukunika oko ukufunayo.” Kodwa ke, siyazi ukuba uYehova akanakusinika nantoni na esiyicelayo. Njengomzali olungileyo, uYehova uyayazi into efanele abantwana Bakhe. Kwakhona, izinto esizicelayo nendlela esiphila ngayo imele ivumelane nokuthanda kwakhe. (IMizekeliso 28:9; Yakobi 4:3; 1 Yohane 5:14) Xa sisenza kanjalo, singakwazi ukuthandaza kulowo “umamela imithandazo” siqinisekile ukuba uza kusiva.—INdumiso 65:2; Mateyu 21:22.

Into ekuthethwa ngayo kwiNdumiso 37:4

 INdumiso 37 yabhalwa nguKumkani uDavide wakwaSirayeli. Wayibhala le Ndumiso ngoonobumba, okanye uhlobo lwe-acrostic. b

 UDavide waphathwa kakubi kakhulu. Kwafuneka abaleke uKumkani uSawule nabanye ababefuna ukumbulala. (2 Samuweli 22:1) Sekunjalo, uDavide wayesoloko emthemba uThixo. UDavide wayesazi ukuba uYehova wayeza kubohlwaya abenzi bubi. (INdumiso 37:10, 11) Nakuba bebonakala bephumelela “njengengca eluhlaza” kodwa ekugqibeleni baza kutshabalala.—INdumiso 37:2, 20, 35, 36.

 INdumiso 37 ibonisa into eza kwenzeka kwabo bathobela uThixo nabo bangamthobeliyo. (INdumiso 37:16, 17, 21, 22, 27, 28) Ngoko le ndumiso isinceda sifumane ubulumko size sibe ngabantu abavuyisa uThixo.

 Bukela le vidiyo imfutshane uze ubone into ekuthethwa ngayo kwincwadi yeNdumiso.

a UYehova ligama likaThixo ngolwimi lwesiHebhere. Ukuze wazi ukuba kutheni ezinye iBhayibhile zisebenzisa igama elithi Nkosi endaweni yegama likaThixo, funda inqaku elithi “Ngubani uYehova?

b Koluhlobo lokubhala, iivesi zokuqala ziqala ngoonobumba wokuqala wesiHebhere, ezilandelayo zibhalwe ngonobumba wesibini, njalo njalo. Le ndlela yayinceda ekukhumbuleni iivesi.