Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Numeri 6:24-26—“Makakusikelele UYehova, Akugcine”

Numeri 6:24-26—“Makakusikelele UYehova, Akugcine”

 “Kwanga uYehova angakusikelela aze akukhusele. Kwanga uYehova angabukhanyisa kuwe ubuso bakhe, yaye kwanga angavuyiswa nguwe. Kwanga uYehova angabuphakamisa ubuso bakhe kuwe, akunike uxolo.”—Numeri 6:24-26, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Makakusikelele uYehova, akugcine; Makabukhanyise uYehova ubuso bakhe kuwe, akubabale; Makabuphakamisele uYehova ubuso bakhe kuwe akunike uxolo.”—Numeri 6:24-26, IZibhalo Ezingcwele.

Oko kuthethwa yiNumeri 6:24-26

 La mazwi aziwa njengamazwi avela kumbingeleli, okanye iintsikelelo zika-Aron—kuba nguye owaba ngumbingeleli omkhulu wokuqala kwaSirayeli. (Eksodus 28:1) La mazwi asikelelayo ayevela kuThixo. (Numeri 6:22, 23) UThixo wathi kuMoses: “Xelela uAron noonyana bakhe lento, ‘Nantsi indlela enifanele nibasikelele ngayo abantu bakwaSirayeli,’” emva koko wathetha amazwi afumaneka kwiNumeri 6:24-26. Ababingeleli abathembekileyo bawuthobela loo myalelo uvela kuThixo. Babelihlonipha igama likaThixo, uYehova. a Kuvesi 27 sifunda oku: “Yaye igama lam [ababingeleli] bamele balibeke kubantu bakwaSirayeli ukuze ndibasikelele.”

 “Kwanga uYehova angakusikelela aze akukhusele.” UYehova uyabasikelela abakhonzi bakhe ngokubakhusela, abakhokele, aze abenze bonwabe. (IMizekeliso 10:22) KwiNumeri 6:24-26, kusetyenziswe igama elithi “kuwe”. Le nto ibonisa ukuba uThixo wayengafuni nje ukusikelela uhlanga lwakwaSirayeli, kodwa wayefuna ukusikelela mntu ngamnye kwaSirayeli.

 “Kwanga uYehova angabukhanyisa kuwe ubuso bakhe, yaye kwanga angavuyiswa nguwe.” Xa umntu ecela ukuba uThixo “akhanyise ubuso Bakhe” ucela ukuba uThixo amenzele inceba aze abonise ukuba uyavuyiswa nguye. b UYehova uyenza loo nceba ngokubabonisa ububele, novelwano.—Isaya 30:18.

 “Kwanga uYehova c angabuphakamisa ubuso bakhe kuwe akunike uxolo.” UYehova ‘uphakamisa ubuso bakhe’ kubakhonzi bakhe ngokubanika uthando noxolo. Ngokutsho kwenye imbekiselo “igama lesiHebhere, elithetha uxolo (shalom) alithethi ukuba umntu akabi nazingxaki nabanye abantu kodwa lithetha ukuba uhlala onwabile, enobuhlobo noThixo.”

 Ukuze amaSirayeli afumane ezi ntsikelelo zikwezi vesi, kwakufuneka athobele uYehova. (Levitikus 26:3-6, 9) Xa athobelayo, wasizalisekisa esi sithembiso. Oku kwenzeka xa kwakulawula ookumkani babo, abanjengoSolomon noHezekiya.—1 Kumkani 4:20, 25; 2 Kronike 31:9, 10.

 Nangona kunganyanzelekanga ukuba amaKristu aphindaphinde ezi ntsikelelo, kodwa angacelela abanye into efanayo xa ethandaza kuThixo okanye xa ekhuthaza amanye amaKristu. (1 Tesalonika 5:11, 25) UYehova akatshintshi. Usoloko efuna ukubasikelela aze abakhusela abakhonzi bakhe abathembekileyo. AmaKristu okwenyaniso angaba seluxolweni, esazi ukuba uYehova uyavuyiswa ngawo ibe ukhanyisa “ubuso” bakhe kuwo.

Into ekuthethwa ngayo kwiNumeri 6:24-26

 Izahluko zokuqala ezilishumi zencwadi yeNumeri zinemiyalelo uThixo ayinika amaSirayeli xa ayehleli ngakwiNtaba yeSinayi esiya kwiLizwe Lesithembiso. Xa ayehleli apho kangangonyaka, uYehova wawenza aba luhlanga ibe wawanika imithetho eyenza iSivumelwano soMthetho.

 Njengokuba uYehova wayekhethe uAron noonyana bakhe ukuba babe ngababingeleli, waxelela uMoses indlela abamele bawasikelele ngayo amaSirayeli. (Numeri 6:22, 23) Ngoko uAron nenzala yakhe basebenzisa amazwi akwiNumeri 6:24-26 ukuze basikelele uhlanga. Ekuhambeni kwexesha yaba yinto eyenziwa ngumbingeleli ukuphindaphinda ezi ntsikelelo xa kuza kwenziwa umnikelo wokugqibela etempileni.

 Bukela le vidiyo imfutshane ukuze ubone nezinye izinto ekuthethwa ngazo kwincwadi yeNumeri.

a UYehova ligama likaThixo ngolwimi lwesiHebhere. Ukuze wazi ukuba kutheni ezinye iiBhayibhile zisebenzisa igama elithi Nkosi endaweni yegama likaThixo, funda inqaku elithi “Ngubani uYehova?

b Xa ithelekisa, iBhayibhile ithi uYehova wayebufihla ubuso bakhe kumaSirayeli xa engazithandi izenzo zawo.—Isaya 59:2; Mika 3:4.

c Ngokutsho kwe-NIV Study Bible, ukuphindaphindwa kwegama likaThixo kwezi vesi, “kugxininisa into ekuthethwa ngayo kuvesi 27.” Kodwa abanye bathi ukubhalwa kwegama likaThixo kathathu kwezi vesi kubonisa ukuba uThixo uneziqu ezithathu. Kanti akunjalo. Umhlalutyi weBhayibhile oxhasa imfundiso yokuba uThixo uneziqu ezithathu uyavuma ukuba ukusetyenziswa kwegama likaThixo kathathu “kwakungenakwenza umbingeleli okanye abantu abafumana le ntsikelelo bacinge kanjalo. Kubo ukusetyenziswa kweli gama kathathu kwayenza yathandeka kakhulu loo ntsikelelo.” (The Pulpit Commentary, Volume 2, page 52) Ukuze wazi okungakumbi, jonga inqaku elithi “Ngaba UThixo Uneziqu Ezithathu?