Yiya kwinkcazelo

Amavolontiya ebencedisa ekulungiseni isebe laseThailand. Umfanekiso ophezulu: Amavolontiya ebencedisa kulwakhiwo ngoku akhonza kwisebe laseThailand. Osezantsi: Ivolontiya lolwakhiwo (udade ophakathi) ukwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani

JUNI 28, 2023
ETHAILAND

Ukumiswa Kolwakhiwo Lwesebe LaseThailand Kuzise Iintsikelelo Ezininzi

Ukumiswa Kolwakhiwo Lwesebe LaseThailand Kuzise Iintsikelelo Ezininzi

Ulwakhiwo nokulungiswa kwesebe laseThailand kwaqala ngo-2019, kusebenza amavolontiya asekuhlaleni nawamanye amazwe. Amavolontiya asuka kwamanye amazwe ayeyi-50 kodwa ke xa kwaqala iKhorona kwafuneka abuyele kumazwe awo, kwashiyeka asibhozo kuphela. Xa izinto zazivuleka apho, umsebenzi waphinda waqala. Kwamenywa namanye amavolontiya asekuhlaleni ukuze aqeqeshwe nokuze ancedise kugqitywe ukwakhiwa. Uwonke lo msebenzi wagqitywa ngo-Aprili 30, 2023.

Umzalwana uSetthasat Tawansirikul nomfazi wakhe uWaraporn, babengamanye amavolontiya asekuhlaleni. Ekuqaleni babenexhala kuba babengawazi kakuhle umsebenzi. USetthasat uthi: “Ukufika kwethu apho, saqeqeshwa.”

Uvuyo olukhulu olwabangelwa kukusebenza apha lwabangela ukuba amavolontiya asekuhlaleni afune ukungena kwenye yenkonzo yexesha elizeleyo. Ngoku abanye basebenza kwizakhiwo zesebe laseThailand. Omnye udade ukwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani. Abanye bakhonza eBheteli. Omnye wabaqalayo eBheteli uMzalwana uRapeepat Woradetsakul, uthi: “Ndiye ndayibona indlela uYehova andincede ngayo xa bekusakhiwa, ibe loo nto iye yandenza ndaba nesibindi sokwamkela isicelo sokukhonza eBheteli. Ndiqinisekile ukuba uYehova uza kundinceda nakwesi sabelo.”

Ifoto yezakhiwo zesebe laseThailand. Ophezulu: Iiofisi ezilungisiweyo. Ophakathi: Isakhiwo esitsha sokulungisa nokugcina izinto. Osezantsi: Indawo entsha yokupaka iimoto

Ukwakhiwa nokulungiswa kwesebe laseThailand bekuquka iindawo zokuhlala neeofisi, indawo yokulungisa neyokugcina izinto zokwakha, neyokupaka iimoto. Kwakhona, kuye kwathengwa iindawo zokuhlala ezintandathu, kufuphi neofisi yesebe zaza zalungiswa ukuze kuhlale intsapho yaseBheteli.

Siyavuya kuba abazalwana noodade baseThailand baye bazinikela ngokuvumayo kwinkonzo kaYehova baza bawabona eyinyaniso amazwi akwiNdumiso 34:8 athi: “Ziveleni, nizibonele ukuba uYehova ulungile.”