Yiya kwinkcazelo

Ngasentla ekhohlo: Isikolo esitsha sentlangano eUli, eNigeria. Ekunene: Isikolo esitsha sentlangano eIbadan, eNigeria

AGASTI 9, 2023
ENIGERIA

Kuvulwa Izakhiwo Zentlangano ENigeria

Kuvulwa Izakhiwo Zentlangano ENigeria

Isebe laseNigeria lavula izakhiwo zentlangano zokuqeqesha abafundi eziyi-2. Esinye isakhiwo siza kusetyenziswa xa kuqhutywa iSikolo Sabavangeli BoBukumkani (SKE). Isakhiwo sesikolo esiseUli, eNigeria, siye samkela abafundi bokuqala ngoFebruwari 2023, yona iklasi yaseIbadan, eNigeria, yaqalisa ngoJuni 2, 2023. Zozibini ezi zikolo ziza kuba nendawo yokuhlala Abaveleli Besiphaluka Nabafazi Babo.

Zozibini ezi zakhiwo zakhiwa kwindawo esele ineHolo yeNdibano ibe kongezwa iklasi, ilayibrari nendawo yokuphumla yabafundi. Nyaka ngamnye kubakho izicelo zokuya e-SKE ezingaphezu kwe-500 eNigeria, ngoko kulindeleke ukuba kuqhutywe izikolo eziyi-4 ngonyaka. Ezi zikolo ziza kuqhutywa ngesiNgesi, i-Igbo, isiPidgin (saseNtshona Afrika), nesiYoruba.

Abafundi bavuyela ukuba kwisikolo esitsha eUli (ngasentla) naseIbadan (ezantsi), eNigeria

Abafundi abaphumelele kwiklasi ye-SKE ebiqhutyelwa kwisakhiwo saseUli baye babhala ileta bebulela indlela ekuye kwamnandi ngayo ukufundela kwesi sakhiwo. Baye bathi: “Bekulula kakhulu ukufundela apha, kuba bekungekho ziphazamiso, sikwazi ukufunda kakuhle, ibe iindawo zethu zokuphumla bezenziwe kakuhle. Abazalwana noodade namavolontiya aye asebenza nzima ukuze aqinisekise ukuba siyazifumana izinto esizidingayo, asenze saziva sithandwa.”

Siqinisekile ukuba ezi zakhiwo zitsha ziza kunceda abazalwana noodade eNigeria ‘bawenze ngokupheleleyo umsebenzi wokushumayela.’—2 Timoti 4:5.