Yiya kwinkcazelo

Abazalwana noodade badibana ngo-1974 kwibala eliseRhawutini, eMzantsi Afrika. Ifoto: Ibheji yendibano yeZizwe ngeZizwe ethi “Uloyiso LobuThixo”

JANUWARI 5, 2024
EMZANTSI AFRIKA

Kwiminyaka Eyi-50 Eyadlulayo, UYehova Wanceda Abakhonzi Bakhe Bamelana Nocalucalulo EMzantsi Afrika

Kwiminyaka Eyi-50 Eyadlulayo, UYehova Wanceda Abakhonzi Bakhe Bamelana Nocalucalulo EMzantsi Afrika

NgeCawa, ngoJanuwari 6, 1974, amaNgqina kaYehova aba nendibano ebalulekileyo eMzantsi Afrika. Abantu abayi-33 408 beentlanga ezahlukeneyo badibana kwibala ekuthiwa yiRand Stadium eRhawutini, ukuze bamamele ucwangciso lokugqibela lweNdibano yeZizwe ngeZizwe ethi ‘ULoyiso LobuThixo.’ Ngoku sele kuyiminyaka eyi-50 yadlulayo lo ndibano.

Ukuqala ngo-1948, imithetho yaseMzantsi Afrika yayingabavumeli abantu beentlanga ezahlukeneyo ukuba badibane. Ngenxa yale mithetho, amaNgqina kaYehova ayengakwazi ukudibana kwiintlanganiso nakwiindibano. UMzalwana uAlfred Phatswana, ngoku okhonza kwiKomiti yeSebe eMzantsi Afrika, wayeneminyaka eyi-10 ngo-1974. Uthi: “Ngexesha localucalulo, wawungasoze ubone abantu beentlanga ezahlukeneyo bedibene.”

Indibano yezizwe ngezizwe yaqalisa ngoJanuwari 2 ukuya nge-6, ngo-1974. Ngenxa yale mithetho yocalucalulo, kwakungekho lula ukuba nale ndibano kwindawo enye eneentlanga ezahlukahlukeneyo. Kwiintsuku ezine zokuqala zendibano, abantu babedibana njengamaqela amancinci ngokweelwimi zabo. Kodwa ngeCawa emva kwemini bayifumana imvume yokudibana bonke eRand Stadium eseRhawutini. Leli bala kuphela elavumayo ukuba abantu beentlanga ezahlukeneyo badibane.

Ukuqala ngo-12 emva kwemini ngeCawa, abamenyiweyo baqalisa ukungena kwelo bala befika ngeebhasi, iimoto neetreyni. Ucwangciso lwaluqhutywa ngesiNgesi ibe kwangaxeshanye lwaluguqulelwa kwisiBhulu, isiPhuthukezi, isiSotho nesiZulu.

Iibhasi neemoto ezazikhwelise abantu abangaphezu kwe-33 000 ebaleni emva kwemini ngeCawa, ngo-Januwari 6, 1974, ukuze bamamele ucwangciso lokugqibela lweNdibano yeZizwe ngeZizwe ethi “Uloyiso LobuThixo”

Abazalwana abakwiKomiti yeSebe uAlfred Phatswana (ekhohlo) noKeith Wiggill (ekunene). Bobabini babekho ngo-1974 kwindibano ethi “Uloyiso LobuThixo”

Ibala lakhawuleza lagcwala ibe abanye babeme ngeenyawo. UMzalwana uKeith Wiggill, naye okwiKomiti yeSebe eMzantsi Afrika wayeneminyaka eyi-23 xa wayekuloo ndibano. Uthi: “Elo yayilixesha elimnandi kakhulu ibe kwakuphenduleka imithandazo yokuba sikhonze sonke. Sasinokholo olunye, sinemigaqo efanayo ibe ngelo xesha sasingahlulwanga yimithetho yocalucalulo. Ndaziva ndimanyene nabazalwana noodade.”

Kwakukho abavakalisi abayi-25 000 eMzantsi Afrika xa kwakuqhutywa iNdibano yeZizwe NgeZizwe ethi “Uloyiso LobuThixo” ngo-1974. Namhlanje, bamalunga ne-100 000 abazalwana noodade abakhonza uYehova bemanyene. Ukususela ngo-1974, eMzantsi Afrika kuye kwakho iindibano zezizwe ngezizwe, eyakutshanje ibingo-2019 ibe ibinomxholo othi: “Uthando Alusoze Luphele”! Apho bekukho abantu abamalunga ne-60 000 beentlanga zonke abasuka kuwo wonke umhlaba.

Bamalunga ne-60 000 abantu abadibana kwindibano yezizwe ngezizwe ngo-2019 eRhawutini, eMzantsi Afrika. Ifoto: Ibheji ebonisa umxholo wendibano othi “Uthando Alusoze Luphele”!

Kuyasivuyisa ukukhumbula izinto ezenzeka ngo-1974, ezazibonisa ukuba uYehova angabanceda abakhonzi bakhe boyise nantoni na ukuze bamanyane. Siyavuya kuba singabazalwana abaqhubeka bezukisa uYehova, uThixo wethu ongakhethi buso.—IZenzo 10:34, 35.