Yiya kwinkcazelo

JANUWARI 4, 2024
EJAPAN

Inyikima Enamandla Iye Yahlasela INoto Peninsula EJapan

Inyikima Enamandla Iye Yahlasela INoto Peninsula EJapan

NgoJanuwari 1, 2024 inyikima embi kakhulu iye yahlasela iNoto Peninsula e-Ishikawa Prefecture. Le nyikima nezinye ezincinci eziye zenzeka emva koko zonakalise amakhaya neendlela. Abantu abangaphezu kwe-33 000 baye bashiya amakhaya abo. Bamalunga ne-400 abantu abaye bonzakala ibe abayi-78 baye basweleka.

Izinto Ezenzeke Kubazalwana Noodade

  • Akukho nomnye umzalwana okanye udade oye wasweleka

  • Umzalwana omnye uye wonzakala kancinci

  • Abazalwana noodade abangaphezu kwe-150 baye bashiya amakhaya abo

  • Amakhaya amabini aye adilika

  • Amakhaya ayi-7 amoshakele kakhulu

  • Amakhaya angaphezu kwe-100 aye amoshakala kancinci

  • IHolo yoBukumkani enye iye yamoshakala kakhulu

  • IiHolo zoBukumkani eziyi-8 zimoshakele kancinci

Indlela Abancedwe Ngayo

  • Kuye kwamiselwa iKomiti Yokunceda Xa Kwehle Intlekele ukuze kuncedwe abazalwana

  • Abazalwana abangabameli besebe laseJapan baye bathunyelwa kwezo ndawo ukuze bakhuthaze abazalwana. Kwakhona, abaveleli beziphaluka nabadala basekuhlaleni banceda abazalwana abahlelwe yintlekele ngokubakhuthaza ngeZibhalo nangezinto abazidingayo

Siqinisekile ukuba uYehova uza kuzingqina ‘eyindawo ekhuselekileyo’ kubazalwana noodade eJapan, ebathuthuzela aze abomeleze kweli xesha linzima.—INdumiso 18:2.