Yiya kwinkcazelo

Amanzi amaninzi agcwalise iindlela kwisixeko saseLéogâne, eHaiti. Ngaphezulu: Umdala wasekuhlaleni ususa udaka ngaphandle kwendlu yodade. Ngezantsi: Abazalwana baklina indlu yodade

JUNI 15, 2023
EHAITI

Izikhukula Ezikhulu Zibangele Umonakalo Omkhulu EHaiti

Izikhukula Ezikhulu Zibangele Umonakalo Omkhulu EHaiti

NgoJuni 2, 3, 2023, iimvula ziye zabangela izikhukula ezikhulu kwiindawo ezithile eHaiti. Ingxelo ibonisa ukuba kwiindawo ezininzi imizi iye yakhukuliseka ibe loo nto iye yenzeka kwiintsapho ezimalunga ne-40 000. Abantu abangaphezu kwe-13 500 kuye kwanyanzeleka ukuba bashiye amakhaya abo. Kuye kwasweleka abantu abayi-50.

Izinto Ezenzekileyo Kubazalwana Noodade

  • Akukho mzalwana okanye dade oswelekileyo

  • Kuye kwenzakala umzalwana nodade omnye

  • Abavakalisi abayi-60 baye bashiya amakhaya abo

  • Umzi omnye uye wadilika

  • Imizi emithathu iye yamoshakala kakhulu

  • Imizi eyi-19 iye yamoshakala kancinci

  • Akukho ziHolo zoBukumkani nezinye izakhiwo zentlangano ezimoshakeleyo

Iindlela Abancedwe Ngazo

  • Abaveleli beziphaluka nabadala basekuhlaleni bathuthuzela ibe bakhuthaza abazalwana noodade bakwezo ndawo, babancda nangezinto abazidingayo

  • Amabandla asekuhlaleni ayanceda

Siqinisekile ukuba “uYehova uza kubanika amandla” abazalwana noodade wethu abahlelwe zizikhukula eHaiti.​—INdumiso 29:11.