Yiya kwinkcazelo

Iitroli EJamani Ziya Eholideyini

Iitroli EJamani Ziya Eholideyini

Kwiidolophu ezinkulu ehlabathini lonke, abantu baqhelile ukubona iitroli ezineencwadi zeBhayibhile zamaNgqina KaYehova. Ngokomzekelo, eJamani amaNgqina aneetroli eBerlin, eCologne, eHamburg, eMunich nakwezinye iidolophu eziphithizelayo.

Kodwa ngaba ezi troli ziza kuthandwa kwiidolophu ezincinane apho abantu baseJamani badla ngokuya khona eholideyini? Baza kuthini abantu abakwiidolophu ezikumntla, eziselunxwemeni nakwiziqithi zeBaltic xa bebona ezi troli? Ngo-2016, iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova ekuMbindi weYurophu yalungiselela ukuba kuphendulwe loo mibuzo. Ukususela ngoMeyi ukuya kutsho ngo-Oktobha, amaNgqina amalunga nayi-800 asebenzisa iitroli kwiidolophu ezinkulu, kuquka lawo asuka eVienna, eAustria, avolontiya ukubeka iitroli ezimalunga neziyi-60 kumntla weJamani.

“Babesijonga Njengabantu Baloo Dolophu”

AmaNgqina amkelwa ngobubele. Elinye ivolontiya lathi: “Abantu babenomdla. Babenobubele, befun’ ukwazi ibe befuna nokuncokola.” UHeidi owayehambele kwidolophu yasePlön uthi: “Emva kweentsuku ezimbalwa, abantu babesijonga njengabantu baloo dolophu. Xa besibona babesibulisa. Indoda engevayo isebenzisa intetho yezandla yathi kuthi: “Nikho kuyo yonk’ indawo!” Yona nabahlobo bayo abangevayo babevela kwitheko labantu abangevayo elalikumzantsi-mpuma weJamani, ibe nalapho ibidibene namaNgqina KaYehova.

Abanye kubantu basekuhlaleni babesincedisa. KwiSiqithi saseWangerooge, ipolisa laya kumaNgqina laza lawacebisa ngendlela abanokubafikelela ngayo abantu abangakumbi. EWaren an der Müritz, umqhubi wenqanawa wabonisa abantu ababekhwele iindawo ezibangel’ umdla. Esalatha kwitroli wathi: “Ibe pha ninokufunda okuninzi ngoThixo.” Abantu abaninzi beza etrolini baza bafunda izinto ezibhaliweyo kuyo.

Abantu abeze eholideyini nabantu basekuhlaleni baba nomdla kwezi ncwadana zintathu:

  • Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele? Umntu oze eholideyini wathi: “Kudala ndizibuza lo mbuzo. Ngoku ndiseholideyini, ndiza kutsho ndifumane ithuba lokufunda ndifumane impendulo.”

  • Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo! Elinye ixhego labalisela amaNgqina ngendlela eliphoxwe ngayo ziicawa. AmaNgqina alinceda laqonda ukuba kuphela nguThixo onokucombulula iingxaki zethu kungekhona abantu. Eli xhego layithatha incwadana laza lathembisa ukuba liza kuyifunda.

  • Izifundo Endizifunda EBhayibhileni. Omnye utata wavumela intombi yakhe ukuba ithathe le ncwadana yenzelwa abantwana. Lo tata wathatha nencwadi ethi, Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile waza wathi: “Iza kuyithanda intsapho yam le ncwadi.”

Abantu abadlulayo bathatha iincwadi ezingaphezu kweziyi-3 600. Abanye abantu bacela amaNgqina ukuba abatyelele baze baqhubeke bencokola.

AmaNgqina aya neetroli eholideyini akuvuyela oko akwenzayo. UJörg nenkosikazi yakhe, uMarina babeye kwindawo ekufutshane neBaltic Sea. Bathi: “Sasinexesh’ elimnandi. Sasibuka indalo kaThixo kwangaxeshanye sasithetha nabantu ngaye.” ULukas ona-17 uthi: “Kwakumnandi! Zange ndonwabe nje kuphela, ndandincokola nabantu ngeyona nto ixabisekileyo.”