Yiya kwinkcazelo

AmaRomani NamaSinti AseJamani Afumana Iindaba Ezilungileyo

AmaRomani NamaSinti AseJamani Afumana Iindaba Ezilungileyo

AmaSinti namaRomani amaninzi ahlala eJamani. a AmaNgqina KaYehova asandukwenza amaphecana, iincwadana neevidiyo ngolwimi lwaba bantu, isiRomani. b

Kwiphulo elalingoSeptemba nango-Oktobha 2016, amaNgqina KaYehova aya kushumayela kumaSinti namaRomani akwiidolophu zaseJamani, eBerlin, eBremerhaven, eFreiburg, eHamburg, naseHeidelberg ngesiRomani. Alungiselela nokunikela iintetho zesidlangalala ngolu lwimi kwiiHolo ZoBukumkani.

Baba Nomdla Kakhulu

AmaSinti namaRomani ayevuya kakhulu xa amaNgqina ayeze kuwashumayeza. Amanye amaNgqina awayelapho, uAndre nomkakhe uEsther, bathi: “Abantu babeyivuyela into yokuba amaNgqina enze iinzame zokuza kubaxelela iindaba ezilungileyo.” Abaninzi zange bakwazi ukuzibamba xa besiva kwaye befunda iBhayibhile ngolwimi lwabo. Elinye ibhinqa eliselitsha labukela ividiyo ethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile? ngesiRomani. Lingakholelwa, lalimana lisithi, “Lulwimi lwam olu!”

INgqina elinguMatthias, elaliye kushumayela eHamburg, lona lithi: “Mna nomkam sasiphakathi kwamaNgqina asibhozo awayeye kushumayela kwindawo ehlala amaSinti namaRomani amalunga ne-400. Wonke umntu esasithetha naye wayecela incwadi.” UBettina, naye owayekwiqela elalishumayela eHamburg uthi: “Zehla iinyembezi kwabanye xa bebona iincwadi ezaziphethwe ngamaNgqina KaYehova zolwimi lwesiRomani.” Bengalibazisanga abanye bazifunda ngokuvakalayo iincwadi ababezinikiwe, abanye bethathela nabahlobo babo.”

AmaSinti namaRomani amaninzi avuma xa ayemenyelwa kwintetho yesidlangalala. Abaninzi kwabayi-94 ababeyile babeqala ngqa ukuya kwiHolo YoBukumkani. EReilingen, kufutshane neHeidelberg, ezintlanganweni kwakuye abantu abayi-123. Emva koko, abantu abahlanu abathetha isiRomani bacela ukufundelwa iBhayibhile.

Kwelo phulo lokushumayela amaNgqina KaYehova ahambisa amaphecana neencwadana eziphantse zibe yi-3000. Ancokola namaSinti namaRomani angaphezu kwe-360, aza aqalisa izifundo zeBhayibhile nayi-19. Amaninzi athi, “Sivuyiswa kukuba nathi uThixo akasilibalanga.”

a AmaSinti liqelana labantu elihlala kwiNtshona nakuMbindi Yurophu, ngoxa amaRomani iliqelana elisuka kwiMpuma nakuMzantsi Yurophu.

b IEncyclopædia Britannica Online ithi iilwimi zamaRomani zithethwa “ngeendlela ezahlukeneyo eziyi-60 nangaphezulu.” Kodwa xa eli nqaku lithetha ngolwimi oluthethwa ngamaRomani namaSinti ahlala eJamani, lisebenzisa igama “isiRomani.”