Yiya kwinkcazelo

Ngaba AmaNgqina KaYehova Axhasa Imibutho Ekhuthaza AmaYuda Ukuba Abuyele Elizweni Lawo?

Ngaba AmaNgqina KaYehova Axhasa Imibutho Ekhuthaza AmaYuda Ukuba Abuyele Elizweni Lawo?

Akunjalo. AmaNgqina kaYehova ngamaKristu akholelwa kwiZibhalo. Ngoxa ezinye iinkonzo zisithi ukuqokelelana kwamaYuda ePalestina kusisiprofeto seZibhalo, amaNgqina kaYehova akayikholelwa le mfundiso. Akakholelwa nokuba loo nto ichazwe ngokungqalileyo eZibhalweni. IBhayibhile ayikhuthazi rhulumente uthile okanye ichaze iqela elithile labantu njengelibhetele kunelinye. IMboniselo, imagazini esetyenziswa ngamaNgqina kaYehova ithi: “IBhayibhile ayixhasi mibutho ekhuthaza amaYuda ukuba abuyele elizweni lawo.”

IEncyclopædia Britannica iwuchaza ngolu hlobo lo mbutho: “Ngumbutho wamaYuda owawuneenjongo zokuba iPalestina ibe likomkhulu lawo lezopolitiko.” Lo mbutho usekelwe kunqulo nezopolitiko. AmaNgqina kaYehova akayixhasi imfundiso yalo mbutho.

Intlangano yamaNgqina kaYehova yeyonqulo kwaye ayixhasi mibutho yeepolitiki, kuquka ukubuyela kwamaYuda elizweni lawo. Wonke umntu uyayazi ukuba amaNgqina kaYehova akathathi cala kwezopolotiko kwaye kwamanye amazwe aye axolela ukuphathwa kakubi kunokuba ayekelele kwezopolitiko. Siqinisekile ukuba buBukumkani bukaThixo basezulwini kuphela obuya kuzisa uxolo emhlabeni; akakho urhulumente wabantu onokukwazi ukuyenza loo nto.

Enokuba ahlala phi na, amaNgqina kaYehova afundiswa ukuba ahlonele amagunya kuquka urhulumente welizwe akulo. Akamvukeli urhulumente yaye akabandakanyeki kwimilo.