Yiya kwinkcazelo

“UYehova Wasindisa Ubomi Bethu”

“UYehova Wasindisa Ubomi Bethu”

 Ngo-2005, elinye ibhinqa lase Indiya ekuthiwa nguSowbhagya laswelekwelwa ngumyeni walo. Yayinguye owayebondla nowayebanika izinto abazidingayo yena nentombi yakhe eneminyaka emithathu, uMeghana. Ngoku, emva kokuba eswelekelwe ngumyeni wakhe kwabanzima kuSowbhagya ukufumana imali eyaneleyo awayeza kuziphilisa ngayo yena nentombi yakhe.

 Eyona nto imbi kukuba, abantu baqalisa ukungamfuni uSowbhagya. Yena nentombi yakhe kokwabo babejongwa njengabantu abasoloko becela ukutya, imali nezinye izinto. Ibe babengayeki ukumxelela ukuba uyabasokolisa. Kuba wayedinga ukuthuthuzelwa waqalisa ukuhamba icawe, kodwa abantu balo cawe babemphatha njengongantweni kuba wayehlupheka. USowbhagya waye waqalisa ukukhangela umsebenzi ukuze kubekho imali ayifumanayo. Kodwa nangona wayezama ngamandla akhe onke, wayengaqeshwa tu.

 USowbhagya uthi: “Ndandingenathemba, ngoko ndaye ndabona ukuba mandizibulale. Kodwa ndandisazi ukuba xa ndingekho intombi yam yayiza kuba neengxaki ezininzi. Ngoko ndaqonda ukuba kubhetele sife sobabini.” Eziva engabalulekanga futhi engathandwa, uSowbhagya waye wahamba wayothenga ipoyizini.

 Xa uSowbhagya wayegoduka ngetreyini, kweza elinye ingqina likaYehova ekuthiwa nguElizabeth laza lamncokolisa. USowbhagya walichazela ukuba akaphangeli ibe uElizabeth wathi uzomncedisa ekukhangeleni umsebenzi. Lo dade wachaza nokuba uya kwisifundo seBhayibhile. Yamothusa lento uSowbhagya kuba nangona wayeye kwiicawe ezininzi zange weva mntu uthetha ngokufunda iBhayibhile. UElizabeth wammema ukuba ayokumbona ukuze afunde okungakumbi ngesifundo seBhayibhile.

 Xa uSowbhagya wayefika endlini, wayesazixelele ukuba useza kuzibulala. Kodwa uMeghana wayesahambe nesinye isihlobo sabo ngoko kwafuneka alinde abuye ukuze akwazi ukubulala yena nentombi yakhe.

 Njengokuba wayesalindile wabona ukuba makaye kuElizabeth, owamamkela ngobubele. UElizabeth wambonisa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa yiBhayibhile? USowbhagya wayenomdla kwisahluko esithi “Baphi Abafileyo?” kuba wayesanda kuswelekelwa ngumyeni wakhe. Kangangokuba kwangolo suku wamkela isifundo seBhayibhile.

 UElizabeth wammema kwindibano eyayiza kuba kwiveki elandelayo, ibe uSowbhagya wavuma ukuya. Wakhuthazeka nyhani kula ndibano ibe wazixelela ukuba uza kuba lingqina likaYehova. Xa wayebuya endibanweni wafumana umsebenzi.

 USowbhagya waqhubeka efundelwa iBhayibhile. Ngoku kunoba afune ukuzibulala unesizathu sokuphila. Wabhaptizwa, ibe ekuhambeni kwexesha nentombi yakhe uMeghana yabhaptizwa. Ngoku bobabini bangovulindlela abathe ngxi ibe uMeghana uncedisa kwiofisi yokuguqulela eIndiya.

USowbhagya noMeghana namhlanje

 USowbhagya noMeghana babulela kakhulu kuba uElizabeth waya kuSowbhagya etreyinini wambonisa ububele waza wathetha naye ngenyaniso. Bambulela kakhulu noYehova. UMeghana uthi: “Ngesekukudala sangcwatywa ukuba sasingazange sifunde inyaniso ngala mini. Ngoku, sonwabe nyhani. Sinomama sesifuna ukudibana notata simhage, simfundise ngoYehova size simxelele indlela uYehova awabusindisa ngayo ubomi bethu.”