Yiya kwinkcazelo

Wayithanda IBhayibhile Ngenxa Yendlela Amabanjwa AngamaNgqina Ayeziphethe Ngayo

Wayithanda IBhayibhile Ngenxa Yendlela Amabanjwa AngamaNgqina Ayeziphethe Ngayo

Ngo-2011 enye indoda yase-Eritrea yabalekela eNorway. Xa yancokola namaNgqina kaYehova, yawaxelela ukuba yakhe yadibana nawo kwindawo eyayihlala kuyo ngaphambili, yona isemkhosini. Le ndoda ithi amaNgqina aphathwa kakubi aza afakwa ejele. Xa ayengaphakathi anyanzelwa ukuba aye emkhosini kodwa zange avume.

Ingalindelanga nayo yabanjwa. Yazibona ivalelwe namaNgqina amathathu uPaulos Eyasu, noNegede Teklemariam kunye noIsaac Mogos, ababebanjelwe ukholo lwabo ukususela ngo-1994.

Yabona ukuba amaNgqina ayazenza izinto azifundisayo. Yabona indlela awayenenyani ngayo nokuba ayesipha namanye amabanjwa ukutya. Yayijonge nendlela awayeqhubeka efunda ngayo iBhayibhile yonke imihla futhi ebiza nabanye abantu ukuze bafunde nawo. Kwathiwa mawasayine into ethi ayekile ukuba ngamaNgqina ukuze akhululwe ejele, kodwa zange avume.

Le nto yayichukumisa kakhulu le ndoda, kangangokuba yafuna ukwazi ukuba kutheni amaNgqina KaYehova enokholo oluqine kangaka. Loo nto yayenza ukuba ifune ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile ngamaNgqina ize iye nakwiintlanganiso zawo.

NgoSeptemba 2018 yabhaptizwa yaliNgqina LikaYehova. Ngoku isebenzisa naliphi na ithuba ukuze ikhuthaze abantu abaseEritrea nabaseSudan, ukuba bafunde iBhayibhile ukuze baqinise ukholo lwabo.