Yiya kwinkcazelo

Babenophawu Elingunxantathu Opepuli

Babenophawu Elingunxantathu Opepuli

UMaud uhlala eFransi, ibe usebenza kwisikolo apho anceda khona abantwana abakhubazekileyo xa beseklasini. Kwenye iklasi, aba bafundi bebesandokufunda ngokubulawa kwamaYuda nangeenkampu zoxinaniso zamaNazi. Kwezi nkampu, kwakubakho amabanjwa anxiba iiyunifomu enelaphu elithungelweyo. Umbala nendlela elenziwe ngayo elo laphu lalichaza ukuba umntu ubanjelwe ntoni na.

Xa utitshala wayechaza ngonxantathu opepuli wathi: “Ndicinga ukuba kungenxa yokuba babezigay.” Emva kweklasi, uMaud waya kulo titshala waza wamchazela ukuba amaNazi ayemsebenzisa lo nxantathu upepuli ukuze aphawule amaNgqina KaYehova. a Wacela ukumphathela iincwadi ezithetha ngale nto. Lo titshala wavuma, waza wamcela uMaud ukuba aze abalisele nabantwana besikolo.

Kwenye iklasi, omnye utitshala ethetha kwangento efanayo, wasebenzisa itshathi ebonisa amalaphu ahlukahlukeneyo awayeba kwisinxibo samabanjwa. Le tshathi yayibonisa kakuhle ukuba ilaphu elalingunxantathu opepuli lalichaza amaNgqina KaYehova. Emva kweklasi, uMaud wamcela nalo utitshala ukumnika ezinye izinto ezithetha ngale nto. Wavuma waza walungiselela ukuba uMaud achazele nabantwana besikolo.

UMaud uphethe iincwadi awayezisebenzisa

UMaud walungiselela ukubachazela kangangemizuzu eyi-15, kodwa xa eza kuqala utitshala wathi: “Uneyure yonke.” Waqala ngokubabonisa ividiyo yakudala ethetha ngamaNazi etshutshisa amaNgqina KaYehova. Xa le vidiyo yafika kwindawo echaza ngabantwana abayi-800 bamaNgqina abahlukaniswa nabazali babo, uMaud wayimisa waza wafunda ngamava wabanye babo bantwana abathathu. Emva kokudlala ividiyo, wagqibezela ngokufunda ileta yango-1940 kaGerhard Steinacher. Le leta yayibhalwe ngumfana ona-19 oliNgqina waseAustria, ebhalela abazali bakhe kwiiyure ezimbalwa ngaphambi kokuba abulawe ngamaNazi. b

UMaud wasebenzisa izinto ezifanayo nakweyesibini iklasi. Ngenxa yesibindi sakhe, ngoku aba titshala bayaqiniseka ukuba bayawabala amaNgqina KaYehova xa bethetha ngabantu abaphathwa kakubi ngamaNazi kwiinkampu zoxinaniso.

a NgeMfazwe Yehlabathi II, eJamani amaNgqina KaYehova awayesaziwa ngokuba ziiBibelforscher (aBafundi BeBhayibhile) babevalelwa kuba bengafuni ukuxhasa amaNazi.

b UGerhard Steinacher wabulawa kuba wayengafuni ukuya emkhosini waseJamani. Kwileta yakhe yokugqibela wathi: “Ndisengumntwana. Ndiza kukwazi ukuyimela inkosi ukuba ingandipha amandla, yiloo nto nje endiyicelayo.” Ngentsasa elandelayo, uGerhard wabulawa. Kwingcwaba lakhe kwabhalwa kwathiwa: “Wafela ukuzukisa uThixo.”