Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umbhalo-ngqangi wenkulungwane ye-14 weeVangeli Ezine, waseMokvi

EGEORGIA | 1924-1990

IBhayibhile YesiGeorgia

IBhayibhile YesiGeorgia

ISIGEORGIA lolunye lweelwimi zokuqala eyaguqulelwa kuzo iBhayibhile kwangaphambili, kunye nesiArmenia, isiCoptic, isiLatini, isiSiriya, nezinye iilwimi. Kuye kwafunyanwa imibhalo-ngqangi emidala yeeVangeli, iileta zikaPawulos neeNdumiso ekuthiwa zezaphakathi kwinkulungwane yesihlanu C.E okanye ngaphambi koko ngesiGeorgia Esidala. Kumakhulu eminyaka eyalandelayo umsebenzi wokuguqulela nowokukhutshelwa kweBhayibhile ngesiGeorgia uye wanda, nto leyo eye yabangela ukuba kubekho iinguqulelo eziliqela. *

IBhayibhile ibe negalelo elikhulu kwiincwadi nakwindlela abaphila ngayo abantu baseGeorgia. Ngokomzekelo ibali elibuhlungu likaKumkanikazi uShushanik, ekusenokwenzeka ukuba labhalwa ngasekupheleni kwenkulungwane yesihlanu, lineengcaphulo neembekiselo zeendawo ezithile eBhayibhileni. Kumbongo wakhe othi Vepkhvistqaosani (The Knight in the Panther’s Skin), owabhalwa malunga no-1220, imbongi uShota Rustaveli ubhekisela kwindlela yokuziphatha yamaKristu. Wabhala ngobuhlobo, ububele nokuthanda abantu ongabaziyo —izinto abantu baseGeorgia abasathi ziyindlela yokuziphatha eyamkelekileyo unanamhlanje.

^ isiqe. 3 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi jonga inqaku elithi “Ubuncwane Obebufihliwe KangangeenkulungwanekwiMboniselo kaJuni 1, 2013.