Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

EINDONESIA

Soze Siluyeke Ukholo Esinalo

UDaniel Lokollo

Soze Siluyeke Ukholo Esinalo
  • WAZALWA Ngo-1965

  • WABHAPTIZWA Ngo-1986

  • IBALI LOBOMI Uvulindlela okhethekileyo ongazange agungqe ngexesha lentshutshiso.

NGOAPRILI 14, 1989, ndathi ndisaqhuba iintlanganiso kwidolophu yaseMaumere, kwiSiqithi saseFlores, kwambonzeleka amagosa karhulumente, abamba mna nabanye abathathu.

Oonogada basentolongweni bazama ukusinyanzela ukuba sikhahlele iflegi. Sathi sakungavumi, basibetha, basikhaba, baza basimisa kwilanga eligqats’ ubhobhoyi kangangeentsuku ezintlanu. Ebusuku sasiqhaqhazelis’ amazinyo kwizisele zethu ezincinane ezinomgangatho wesamente nezimdaka, sidiniwe kwaye siqaqanjelwa ngamanxeba. Umphathi wentolongo wayesihlalele ngelithi masiluyeke olu kholo sinalo, kodwa sasimphendula sithi, “Soze siyikhahlele iflegi de sife.” NjengamaKristu amaninzi awayephila ngaphambi kwethu, saziva sinelungelo ‘lokubandezeleka ngenxa yobulungisa.’—1 Pet. 3:14.