Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ngoobani AmaNgqina KaYehova?

Ngoobani AmaNgqina KaYehova?

“Sele kuyiminyaka ndimazi uMike, oliNgqina likaYehova. Unqulo lwakhe luyandidida. Khona ngubani uYehova? Kutheni engazibhiyozeli iiholide? Ngaba uMike wayekwezi cawa zingoovuk’ engceni bethu?”—UBecky, waseKhalifoniya, eMerika.

“Abamelwane bam bathi bakuqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova ndazibuza ukuba: ‘Lithetha ukuthini igama elithi amaNgqina kaYehova? Aliqhelekanga igama lale nkonzo!’”—UZenon, eOntario, eKhanada.

“Mna nomfazi wam sasicinga ukuba amaNgqina kaYehova ayesivuyelela kuba singahamb’ icawa. Njengokuba icawa ezindala zingakwazanga ukusanelisa, ihlelo elinguvuk’ engceni njengamaNgqina kaYehova alinakuze lisanelise.”—UKent, waseWashington, eMerika.

“Ngokwenene ndandingawazi ukuba angoobani nokuba yintoni ayikholelwayo.”—UCecilie, wase-Esbjerg, eDenmark.

Kusenokwenzeka ukuba ukhe wawabona eshumayela emizini okanye esidlangalaleni, esasaza iincwadi zeBhayibhile, ecela nokufunda iBhayibhile nabantu simahla. Mhlawumbi le magazini uyifumene komnye wawo. Sekunjalo, usenokuba usazibuza ukuba angoobani kanye kanye amaNgqina kaYehova, njengaba bantu bakhankanywe ekuqaleni.

Ukuba unale mibuzo, ungazifumana phi iimpendulo? Ungafunda njani ngezinto azikholelwayo amaNgqina kaYehova, indlela umsebenzi wawo wokushumayela nezakhiwo zawo ezixhaswa ngayo, nesizathu sokuba akutyelele ekhayeni lakho okanye athethe nawe kwiindawo zikawonke-wonke?

UCecilie uthi: “Ininzi into endandiyifunda ngamaNgqina kaYehova kwi-intanethi. Ndandisiva nezinto ezimbi ezazithethwa ngawo. Ngenxa yazo, ndawathiya amaNgqina kaYehova.” Kamva, uCecilie wathetha namaNgqina kaYehova waza wafumana iimpendulo ezanelisayo kwimibuzo yakhe.

Ngaba ungathanda ukufumana iimpendulo eziyinyaniso kwimibuzo yakho ngamaNgqina kaYehova? Siyakukhuthaza ukuba ubhenele kowona mthombo unokukunceda—amaNgqina kaYehova ngokwawo, abapapashi bale magazini. (IMizekeliso 14:15) Sinethemba lokuba amanqaku alandelayo aza kukunceda ubone ukuba singoobani noko sikukholelwayo, uze uqonde nomsebenzi esiwenzayo.