Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI LOBOMI

UYehova Undinike Okungaphezu Koko Bekundifanele

UYehova Undinike Okungaphezu Koko Bekundifanele

Ndandineminyaka nje eyi-17, ibe njengamntu wonke omtsha, ndandinamaphupha namaxhala ngekamva. Ndandithanda ukuhlala nabahlobo bam, ukuqubha nokudlala ibhola. Kodwa ngobusuku nje obunye, ubomi bam batshintsha ngeyona ndlela. Ndaba kwingozi emasikizi eyandishiya ndife umzimba. Loo nto yenzeka kwiminyaka emalunga neyi-30 eyadlulayo, ibe ngoku sekulithuba ndingasakwazi kuzenzela nto.

Ndakhulela kwisixeko saseAlicante esikwimpuma yonxweme lwaseSpeyin. Intsapho yakuthi yayingazinzanga, ibe ndakhula ndikuthand’ ukuzula esitratweni. Kufuphi nasekhaya kwakukho indawo elungisa amatayara. Ndaba ngumhlobo kaJosé María, owayephangela apho. Wayengumntu onobubele ibe endihoyile, nto leyo ndandingayifumani ekhaya. Kumaxesha anzima, wayesiba ngubhuti kum, ibe engumhlobo wenene, nakuba wayendishiya ngeminyaka eyi-20.

UJosé María waqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Wayezithanda iZibhalo, ibe wayekuthanda ukundibalisela ngeemfundiso zeBhayibhile. Ndandimmamela kuba ndimhlonela, kodwa ndingazifaki ngqondweni izinto azithethayo. Ndandimtsha, ndixakeke zizinto zobomi. Kodwa ke, yayiza kutshintsha loo nto.

INGOZI EYATSHINTSHA UBOMI BAM

Andithandi kuthetha kakhulu ngala ngozi. Into nje endinokuyitsho kukuba ndenza ubudenge. Ngosuku nje olunye, ubomi bam batshintsha ngokupheleleyo. Ngokukhawuleza nje ubutsha bam bathi shwaka, ndazibona sele ndikhubazekile, ndilele esibhedlele. Kwakunzima gqitha ukuyamkela imeko endandikuyo. Ndandizibuza, ‘Yintoni endisayiphilelayo?’

UJosé María weza kundibona, ibe ngokukhawuleza walungiselela ukuba amaNgqina kaYehova awayekuloo ngingqi andityelele esibhedlele. Ukundityelela kwawo rhoqo kwandichukumisa. Ngokukhawuleza nje ndakuba ndiphumile kwicandelo labagulel’ ukufa, ndaqalisa ukufunda iBhayibhile. Ndatsho ndazi ukuba kutheni abantu betsala nzima baze bafe, nokuba kutheni uThixo evumela izinto ezimbi zenzeke. Ndiye ndafunda nangamathemba uThixo asithembise wona, okuba umhlaba uza kuzaliswa ngabantu abafezekileyo, apho kungasayi kubakho mntu othi: “Ndiyagula.” (Isaya 33:24) Okokuqala ebomini bam, ndaba nethemba lekamva eliqaqambileyo.

Ukuphuma kwam esibhedlele, ndenza inkqubela ngokukhawuleza kwisifundo sam seBhayibhile. Ndisebenzisa isitulo esinamavili esilungiselelwe imeko yam, ndatsho ndakwazi ukuya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova nokuya kufundisa abantu iBhayibhile. Ndabhaptizelwa ebhafini ngoNovemba 5, 1988, ndineminyaka eyi-20. UYehova uThixo wandinceda ndabubona ngenye indlela ubomi. Ndandizibuza ukuba ndingambulela ngantoni?

UBOMI BAQHUBEKA

Ndandizimisele ukuba ndingavumeli ukugula kwam kundiyekise ukukhonza uYehova. Ndandingafuni kuma ndaweni nye. (1 Timoti 4:15) Ekuqaleni kwakungekho lula, kuba ekhaya babeluchasa unqulo lwam olutsha. Kodwa abazalwana noodade endikhonza nabo babendixhasa. Babeqiniseka ukuba andiphoswa ziintlanganiso nangumsebenzi wokushumayela.

Kodwa ekuhambeni kwexesha, kwacaca ukuba ndandiza kufuna ukunyanyekelwa ubusuku nemini. Emva kokukhangela ixesha elide, ndayifumana indawo yabantu abakhubazekileyo kwisixeko saseValencia, esikumgama weekhilomitha eziyi-160 kumntla weAlicante. Eli yaba likhaya lam elitsha.

Nangona ndibophelelek’ ebhedini, ndizimisele ukuchazela abanye ngeenkolelo zam

Nangona ndandibophelelek’ ebhedini, ndandizimisele ukuqhubeka ndikhonza uYehova. Ndathenga ikhompyutha eyabekwa ecaleni kwebhedi yam ngemali yendodla nangenye endandiyiphiwe. Ndathenga neselfowuni. Ngoku, umntu ondinyamekelayo uye andivulele zona ntsasa nganye. Ikhompyutha yam yenziwe ngendlela yokuba ndikwazi ukuyilawula ngesilevu. Ndikwasebenzisa nokhuni endilubamba ngomlomo, olundinceda ndikwazi ukucofa ikhompyutha nefowuni.

Ndicofa ifowuni ngokhuni

Indinceda njani le teknoloji? Okokuqala, indinceda ndikwazi ukungena kwiwebhsayithi u-jw.org nakwiWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI. Zindinceda nyhani ezi Webhsayithi! Ndichitha ixesha elininzi ndifunda iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni ezindinceda ndiqhubeke ndifunda ngoThixo nangeempawu zakhe ezimangalisayo. Xa ndinesithukuthezi okanye umoya wam uphantsi, ndihlala ndifumana into endivuyisayo kwiwebhsayithi yethu.

Ikhompyutha yam indinceda ndikwazi ukumamela nokuba nenxaxheba kwiintlanganiso. Ndiyagqabaza, ndithandaze, ndinikele iintetho, ndifunde neziqendu kwiMboniselo xa ndabelwe ukwenza oko. Kuba ngathi nam ndisebandleni.

Ukuba nefowuni nekhompyutha kundincede ndakwazi ukufundisa abantu iBhayibhile. Ewe kona, andikwazi kubafundisa emakhayeni abo njengokuba uninzi lwamaNgqina kaYehova lusenza, kodwa loo nto ayindityhafisi. Ezi zixhobo zindinceda ndikwazi ukuchazela abanye ngeenkolelo zam. Kangangendlela endikonwabela ngayo ukuthetha nabanye ngefowuni, abadala bade bandicela ukuba ndincede abanye ebandleni bashumayele ngefowuni. Oku kuye kwanceda nabanye abangakwaziyo ukushiya amakhaya abo.

Ndiqhuba isifundo seBhayibhile

Kodwa ubomi bam abuxhomekekanga kwiteknoloji kuphela. Abahlobo bam abandithandayo bandityelela yonke imihla. Beza nezalamane zabo kunye nabanye abantu abanomdla kwiBhayibhile, ibe badla ngokundicela ukuba ndifunde nabo. Ngamanye amaxesha, ezinye iintsapho ziye zindityelele ukuze nam ndibekho kunqulo lwazo lwentsapho. Eyona nto ndiyithandayo kukubona abantwana bengqonge ibhedi yam, bendichazela ngendlela abamthanda ngayo uYehova.

Siqhuba unqulo lwentsapho nabahlobo

Kuyandivuyisa ukutyelelwa ngaba bantu. Igumbi lam lihlala linabantu abavela kwiindawo ngeendawo. Unokuyicingela indlela abamangaliswa ngayo oonesi xa bebona oku. Ndimbulela ntsuku zonke uYehova ngokundenza ndibe yinxalenye yabazalwana abathandana kangaka.

NDISAZAMA

Nokuba ngubani na ondibulisayo andibuze ukuba ndinjani, ndisuka nje ndithi, “Ndisazama!” Ndiyavuma, andindedwa kobu bunzima. Nakweziphi na iimeko, onke amaKristu aqhubeka esilwa “umlo omhle wokholo.” (1 Timoti 6:12) Yintoni eyandinceda ndanyamezela iminyaka emingaka? Kukubulela uYehova yonke imihla ngokundinika isizathu sokuba ndiqhubeke ndiphila. Ndihlala ndixakekile kumsebenzi kaThixo wokushumayela, ndijonge ethembeni.

UJosé María

Ndihlala ndicinga ukuba kuza kubanjani kwihlabathi elitsha apho ndiza kube ndikwazi ukubaleka nokutsiba kwakhona. Ndidla ngokuqhula umhlobo wam uJosé María, ohlutshwa sisifo sepoliyo ndithi, eParadesi ndifuna sibaleke kunye sibon’ oshiywayo! Udla ngokuphendula athi, “Akubalulekanga ukuba ngubani oshiywayo. Okona kubalulekileyo kukuba sibe pha.”

Kwakungekho lula ukuyamkela imeko yam. Ndiyazi ukuba xa ndandisemtsha ndenza ubudenge obaphantse bandibulala. Kodwa iyandivuyisa into yokuba uYehova engazange andilahle. Ininzi kakhulu into andenzele yona—undinike intsapho engabakhonzi bakhe, umnqweno wokuphila, uvuyo lokunceda abanye, nethemba elimangalisayo. Ngamafutshane ndingathi, uYehova undinike okuninzi okungandifanelanga.