Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iyeza Lakhe Kukukhonza UThixo!

Iyeza Lakhe Kukukhonza UThixo!

Xa oovulindlela ababini bangena komnye umzi waseKenya, bothuka bakubona isithomo esincinane sendoda engqengqe ebhedini. Yayinomzinjana neengalo ezimfutshane. Xa bayibonisa isithembiso esivela kuThixo sokuba “isiqhwala siya kutsiba njengexhama,” le ndoda yancuma olukaBlankethi.Isa. 35:6.

Aba vulindlela beva ukuba uOnesmus, owayeneminyaka engaphantsi nje kweyi-40, wazalwa enesifo samathambo. Amathambo akhe ayebuthathaka ngendlela engathethekiyo kangangokuba ayenokutyunyuzwa ophulwe nazizinto ezingenamsebenzi. Ekubeni kungekho ndlela yakusinyanga esi sifo, uOnesmus wayesazi into enye, eyokuba uza kuphila ubomi bakhe bonke etyiwa ziintlungu kwisitulo esinamavili.

UOnesmus wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Noko ke, unina wayengafuni aye kwiintlanganiso, esoyikela ukuba enzakale okanye atyiwe ziintlungu. Ngoko abazalwana babezirekhoda iintlanganiso, watsho wakwazi uOnesmus ukuziphulaphula kowabo. Emva kweenyanga ezintlanu efundelwa, uOnesmus wagqiba kwelokuba aye kwiintlanganiso nakuba wayezifaka esichengeni.

Ngaba ukuya kwiintlanganiso kwazongeza iintlungu zikaOnesmus? Nakanye. Ude athi: “Ezo ntlungu zam zazidamba xa ndikwiintlanganiso.” Wayesithi ithemba alifumeneyo limenza azive bhetele. Unina wavuya akubona olu tshintsho kunyana wakhe, kangangokuba naye wavuma ukufundelwa iBhayibhile. Wayedla ngokuthi: “Ukukhonza uThixo liyeza kunyana wam.”

Akuzange kube kudala, uOnesmus waba ngumvakalisi ongabhaptizwanga. Ethubeni wabhaptizwa, ibe ngoku usisicaka solungiselelo. Nakuba engakwazi ukusebenzisa imilenze yakhe nenye ingalo, uOnesmus wayefuna ukukhonza uYehova ngamandla akhe onke. Wayefuna ukuba nguvulindlela ongumncedani, kodwa wayemathidala. Ngoba? Kaloku kwakuza kufuneka kubekho umntu omqhubayo ngesitulo sakhe esinamavili. Xa waxelela abazalwana ngale nto imxhalabisayo, bathi baza kumncedisa. Benza kanye loo nto, uOnesmus watsho wakwazi ukuba nguvulindlela ongumncedani.

Waxhalatyiswa yinto efanayo naxa wayefuna ukuba nguvulindlela othe ngxi. Kodwa wancedwa yitekisi yolunye usuku. YayikwiNdumiso 34:8, ethi: “Ngcamlani nibone ukuba uYehova ulungile.” Emva kokucamngca ngesi sibhalo, uOnesmus wagqiba kwelokuba abe nguvulindlela othe ngxi. Ngoku ushumayela iintsuku ezine ngeveki, ibe uqhuba izifundo zeBhayibhile ezenza inkqubela. Ngo-2010, waya kwiSikolo Senkonzo Yobuvulindlela. Waba nemincili gqitha akubona ukuba omnye wabazalwana ababefundisa kwesi sikolo ngomnye wabo bathetha naye ngeBhayibhile!

Abazali bakaOnesmus basweleka, kodwa abazalwana noodade ebandleni bayamnyamekela. Uzixabisa gqitha iintsikelelo azifumeneyo, ibe ukhangele phambili kwixesha apho kuya kube ‘kungekho mmi uya kuthi: “Ndiyagula.” ’Isa. 33:24.