Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuba Sempilweni

Ukuba Sempilweni

IBhayibhile ayoncwadi yempilo kodwa inamacebiso anokukunceda ube sempilweni. Nanga amanye amacebiso eBhayibhile anokukunceda ube sempilweni.

WUPHATHE KAKUHLE UMZIMBA WAKHO

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Akukho mntu wakha wayithiya eyakhe inyama; kodwa uyayondla aze ayiphathe ngononophelo.”—Efese 5:29.

ITHETHA UKUTHINI LE NTO: Lo mgaqo weBhayibhile usikhuthaza ukuba siyihoye imizimba yethu. Olunye uphando lubonisa ukuba iingxaki ezininzi zempilo abantu abanazo zenziwa yindlela abaphila ngayo. Yiyo loo nto xa umntu ekhetha ukuphila kakuhle esiba sempilweni.

IZINTO ONOKUZENZA:

  • Yitya Kakuhle. Yitya ukutya okusempilweni uze uwasele kakhulu amanzi.

  • Jima. Nabani na angajima. Enoba umdala, umncinci, ukhubazekile okanye unesifo esingapheliyo. Abantu abakuthandayo noogqirha bangakucebisa ukuba ujime kodwa soze yenzeke loo nto ukuba awuzimiselanga.

  • Lala Ngokwaneleyo. Xa umntu engalali de iintsuku ziqengqeleke usenokugula nyhani. Abantu abaninzi bazixakekisa ngezinto ezininzi ezibenza bangabi nalo ixesha lokulala. Kodwa xa ukhetha ukulala ngokwaneleyo ufana nokungathi ukhetha ukuba sempilweni.

ZIYEKE IZINTO EZIWUMOSHAYO UMZIMBA

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya.”—2 Korinte 7:1.

ITHETHA UKUTHINI LE NTO: Siyayikhusela impilo yethu xa singalisebenzisi icuba kuba libangela izifo ezininzi ibe liyabulala.

INTO ONOKUYENZA: Beka usuku oza kuliyeka ngalo icuba uze ulubhale phantsi. Ngaphambi kokuba lufike olo suku, lahla yonke into edibene necuba njenge-entyi, indotshi, nezinye izinto ezisetyenziswayo xa kutshaywa. Sukuya kwiindawo ezinabantu abasebenzisa icuba. Xelela abantu oyaziyo ukuba baza kukunceda uyeke ukusebenzisa icuba.

EMINYE IMIGAQO YEBHAYIBHILE

Ukuba ufuna iBhayibhile, thetha neNgqina LikaYehova olaziyo.

ZIKHUSELE KUYO YONKE INTO OYENZAYO.

“Xa uthe wakha indlu entsha, umele ulwenzele ungqameko uphahla lwakho, ukuze ungazisi tyala lagazi endlwini yakho xa athe wawa owayo kuyo.”​—DUTERONOMI 22:8.

WUBAMBE UMSINDO WAKHO.

“Ozeka kade umsindo unokuqonda okuninzi, kodwa ongenamonde uphakamisa ubudenge.”​—IMIZEKELISO 14:29.

SUKUTYA KAKHULU.

“Musa ukuba . . . phakathi kwabadli benyama abangamadla-kudla.”​—IMIZEKELISO 23:20.