Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

NGABA YADALWA?

Intamo Yembovane

Intamo Yembovane

IINJINELI ziyamangaliswa kukwazi kwembovane ukuthwala izinto ezinzima nkqu nakumzimba wayo. Ukuze zazi ukuba kwenzeka njani oku, iinjineli kwiYunivesithi yaseOhio, eUnited States, ziye zenza imizobo ngekhompyutha ebonisa umzimba wayo, indlela eyakhiwe ngayo nezinto ezenzayo. Le mizobo yenziwa ngoomatshini bezi mini ekuthiwa zi-CT scans.

Elona lungu lomzimba libalulekileyo kwimbovane yintamo, kuba yiyo ethwala ubunzima bento eyiphethe ngomlomo. Izihlunu ezithambileyo ezikwintamo yayo zidibana neqokobhe lomzimba nentloko yayo ngendlela iminwe engena ngayo phakathi kweminye xa udibanise izandla. Omnye wabaphengululi uthi: “Indlela ezidibana ngayo yeyona ibangela ukuba intamo ikwazi ukwenza lo msebenzi. Kusenokwenzeka ukuba yile ndlela ingaqhelekanga yokudibana kweqokobhe nezihlunu zayo ezithambileyo ebangela ukuba zithi nca ngolu hlobo kwaye yeyona ibangela ukuba intamo ikwazi ukuthwala izinto ezinzima.” Abaphengululi banethemba lokuba xa bathe bayazi eyona ndlela esebenza ngayo intamo yembovane, oko kuya kunceda ekuphuculeni indlela abazenza zikwazi ukusebenza ngayo iirobhothi.

Ucinga ntoni? Le ndlela inzima ukuyiqonda eyenziwe ngayo intamo yembovane neyenza ukuba yomelele ngolu hlobo yazivelela? Okanye yadalwa?