Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | XA ISIHLOBO SAKHO SISWELEKA

Ukuthuthuzela Abafelweyo

Ukuthuthuzela Abafelweyo

Ngaba wakha waziva uxakwe yinto yokwenza xa umntu osondeleyo kuwe wayebuhlungu kuba efelwe? Ngamanye amaxesha siye singaqiniseki ngento esimele siyithethe okanye siyenze—siphele sele singathethi nto yaye singenzi nto. Kodwa zikho izinto ezisebenzayo neziluncedo esinokuzenza.

Into edla ngokufuneka bubukho bakho kunye namazwi alula nje, anjengathi “Ndibuhlungu ngale nto yenzekileyo.” Kwiindawo ezininzi, ukumanga umntu okanye ukumqinisa nje kancinci ingalo yindlela ephumelelayo yokumbonisa ukuba uyakhathala. Xa umntu ofelweyo efuna ukuthetha, mmamele yaye ube novelwano. Eyona nto ibhetele kuzo zonke, yenzele okuthile intsapho efelweyo, mhlawumbi ubancede ngomsebenzi abangakwazi kuwenza, njengokupheka, ukuhoya abantwana, okanye ukuncedisa kumalungiselelo omngcwabo ukuba bayafuna. Izenzo ezinjalo zinamandla ukugqitha ukuthetha ngobuciko.

Ethubeni, unokuziva ufuna ukuthetha ngomfi, mhlawumbi uthethe ngeempawu zakhe ezintle okanye ngamava amnandi omkhumbula ngawo. Incoko enjalo inokude imenze ancume umntu ofelweyo. Ngokomzekelo, uPam—owaswelekelwa ngumyeni wakhe, uIan, kwiminyaka emithandathu edluleyo—uthi: “Ngamanye amaxesha abantu bandibalisela izinto ezintle ezenziwa nguIan endingazange ndizive ngaphambili, ibe loo nto iyayivuyisa intliziyo yam.”

Abaphandi bathi abantu abaninzi abafelweyo baye bancedwe kakhulu ekuqaleni, kodwa iimfuno zabo ziyalityalwa xa abahlobo babo bexakeka bubomi babo. Ngoko, qiniseka ukuba uqhagamshelana naye rhoqo umhlobo wakho ofelweyo emva kokuba efelwe. * Abantu abaninzi abafelweyo bayalixabisa eli thuba lokukhe bayeke ukucinga ngento ebuhlungu ebahleleyo.

Masenze umzekelo ngoKaori, ibhinqa eliselula laseJapan elaswelekelwa ngunina kwaza kwiinyanga eziyi-15 kwalandela udadewabo omdala. Okuvuyisayo kukuba, waqhubeka exhaswa ngabahlobo bakhe. Omnye ogama linguRitsuko mdala kakhulu kunoKaori ibe wathi ufuna ukuba ngumhlobo wakhe. UKaori uthi: “Xa nditheth’ inyani ndandingayifuni le nto. Ndandingafuni mntu uza kuthatha indawo kamama, kwaye ndandingacingi ukuba ukho umntu onokuyenza loo nto. Noko ke, ngenxa yendlela uMama uRitsuko awandiphatha ngayo, ndaziva ndisondele kuye. Veki nganye, sasihamba kunye xa sisiya kushumayela naxa sisiya kwiintlanganiso zamaKristu. Wandimema ukuba ndiye kuphunga naye, sitye kunye, kwaye wandibhalela iileta namakhadi kaliqela. Ukucinga ngendlela eyakhayo kukaMama uRitsuko kwaba nempembelelo entle kum.”

Sele kudlule iminyaka eyi-12 unina kaKaori eswelekile, ibe ngoku yena nomyeni wakhe bangabashumayeli bexesha elizeleyo. UKaori uthi: “UMama uRitsuko usandikhathalele nangoku. Xa ndigodukile, ndiyamtyelela kwaye ndiyakuthanda ukuncokola naye izinto ezakhayo.”

Omnye umzekelo womntu oye wazuza kwinkxaso eqhubekayo nguPoli, iNgqina likaYehova laseCyprus. UPoli wayenomyeni onobubele, uSozos, owayengumalusi ongumKristu ongumzekelo omhle, ethanda ukumemela iinkedama nabahlolokazi esidlweni kwikhaya lakhe. (Yakobi 1:27) Okulusizi kukuba, xa uSozos wayeneminyaka eyi-53 ubudala, wabulawa lithumba ebuchotsheni. UPoli uthi: “Ndalahlekelwa ngumyeni wam endandisele ndineminyaka eyi-33 nditshate naye.”

Fumana iindlela ezisebenzayo zokunceda abantu abafelweyo

Emva komngcwabo, uPoli wafudukela eKhanada nonyana wakhe omncinane, uDaniel owayeneminyaka eyi-15 ubudala. Ukufika kwabo apho, banxulumana nebandla lamaNgqina kaYehova. UPoli ukhumbula oku: “Abahlobo abakwibandla lethu elitsha babengazi nto ngento eyayenzeke kuthi nangobunzima esasikubo. Kodwa loo nto ayizange ibanqande ekubeni beze kuthi basithuthuzele ngamazwi obubele yaye basincede. Siyixabisa nyhani into yokuba olo ncedo balunikele, ngokukodwa xa kanye unyana wam wayedinga utata! Abo babekhokela ebandleni babenomdla kakhulu kuDaniel. Omnye wayede aqiniseke ukuba uyamquka uDaniel xa ezihlaziya nabahlobo okanye xa kudlalwa ibhola.” Namhlanje lo mama kunye nonyana wakhe baqhuba kakuhle.

Ngokuqinisekileyo zininzi iindlela esinokubanceda nesinokubathuthuzela ngazo abantu abafelweyo. NeBhayibhile iyasithuthuzela ngethemba elivuyisayo lezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo.

^ isiqe. 6 Abanye bade baphawule umhla wokusweleka ukuze bamthuthuzele xa kuyimfuneko—ngaloo mhla okanye emva kwawo.