Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UHulda Wayifumana Into Awayeyifuna

UHulda Wayifumana Into Awayeyifuna

KULE minyaka idlulileyo, ukuba ukhe waya kwisiqithi esincinci saseSangir Besar eIndonesia, kusenokwenzeka ukuba wababona oodade abathathu ababeselwandle. Baziwa kakhulu kwesi siqithi ngenxa yomsebenzi wabo wokushumayela​—benceda abantu bayiqonde iBhayibhile. Kodwa ngelo xesha, babesenza umsebenzi owahluke kakhulu.

Isiqithi iSangir Besar kumantla eIndonesia

Okokuqala, babengena emanzini baze baphume bephethe amatye amakhulu. Amanye ayelingana nebhola yokudlala isoka. Emva koko babechopha kwisitulo esenziwe ngamaplanga baze basebenzise ihamile ukuqhekeza la matye abe mancinci, alingane neqanda lenkukhu. Babethatha la matye mancinci bawafake kwibhakethi leplastiki, baze banyuke izitepsi bawase kwindawo ababehlala kuyo. Babefika bawafake kwiibhegi ezinkulu ezazilayishwa kwiilori aze asetyenziswe kumsebenzi wokulungisa indlela.

UHulda, uqokelela amatye elwandle

Omnye waba dade yayinguHulda. Yena wayechitha ixesha elininzi kulo msebenzi kunabanye oodade. Wayedla ngokuyisebenzisa yonke imali ayifumanayo kulo msebenzi ukuze ancedise kwizinto ezidingwa yintsapho yakhe. Kodwa ngoku, wayenenye into engqondweni. Wayefuna ukuthenga ithabhlethi ukuze akwazi ukusebenzisa iJW Library app. Wayesazi ukuba iividiyo nezinye izinto ezifumanekayo kule app zaziza kumnceda akwazi ukufundisa kakuhle kunokuba esenza, aze aziqonde izinto azifunda eBhayibhileni.

Kangangenyanga enehafu, qho ekuseni wayesebenza iiyure ezimbini yonk’ imihla, eqhekeza amatye ukuze agcwalise ilori encinci. Ekugqibeleni, wade waba nemali eyaneleyo yokuthenga ithabhlethi.

UHulda nethabhlethi yakhe

Uthi, “Nangona ndandidiniwe nomzimba ubuhlungu ngenxa yokuqhekeza amatye, xa ndafumana ithabhlethi yam ndakhawuleza ndazilibala ezo ngqaqambo. Yayindinceda ndiwenze kakuhle kakhulu umsebenzi wokushumayela, kube lula nokulungiselela iintlanganiso.” Uphinda athi ithabhlethi yamnceda naxa kwaqala ikhorona, kuba amabandla kwakufuneka angene iintlanganiso ngevideo conferencing. Siyamvuyela uHulda kuba wakwazi ukuyenza into awayezimisele ukuyenza.