Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

[ukusuka ekhohlo ukuya ekunene] UMarcelo, uYomara noHiver. Baphethe imiqulu yeNguqulelo Yehlabathi Elitsha yeSpanish ebhalwe ngebraille

Baziva Bethandwa

Baziva Bethandwa

UYOMARA noobhuti bakhe ababini, uMarcelo noHiver, bahlala kwilali encinci yaseGuatemala. UYomara waqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina, kwaza ekuhambeni kwexesha nabantakwabo baba khona kweso sifundo. Kodwa kwakukho ingxaki. Bobathathu ababoni, futhi babengakwazi nokufunda iincwadi zebraille. Ngoko umntu owayebafundisa iBhayibhile wayebafundela iziqendu neevesi zeBhayibhile zeso sifundo bakuso.

Ukuya kwiintlanganiso kwaba yenye ingxaki. Babengakwazi ukuziyela kwiHolo YoBukumkani ekufutshane nabo, ekwakuthatha imizuzu eyi-40 ukuya kuyo. Kodwa abazalwana ebandleni benza indlela yokubasa kuzo zonke iintlanganiso. Bathi bakuqalisa ukuba neentetho kwintlanganiso yaphakathi evekini, abazalwana babancedisa ukuba bazinkqaye.

NgoMeyi 2019, iintlanganiso zaqalisa ukungenela kwilali ababehlala kuyo. Kuloo lali, kwakusekukho umzalwana nenkosikazi yakhe ababengoovulindlela abathe ngxi. Bazixelela ukuba baza kufundisa uYomara noobhuti bakhe ukubhala nokufunda ibraille, nangona bona kuqala babengazi nokuba kubethwa abaphi kuyo. Baya elibrary ukuze bafunde ngayo, bazi neendlela zokunceda omnye umntu akwazi ukuyifunda nokuyibhala.

UMarcelo uyaphendula kwiintlanganiso

Kwiinyanga nje ezimbalwa, bobathathu babezifunda ngokutyibilikayo iincwadi zebraille, yaza loo nto yabanceda bahambela phambili ekukhonzeni uYehova. a Ngoku bangoovulindlela abathe ngxi. UMarcelo yena usiso nesicaka solungiselelo. Baxakeka ngumsebenzi kaYehova iveki yonke. Indlela abakhuthele ngayo yosulela nabanye abantu ebandleni.

UYomara noobhuti bakhe bayibulela kakhulu into yokuba abazalwana noodade beye babanceda. Uthi: “Ukuqala kwethu ukudibana namaNgqina, aye asenza saziva sithandwa nyhani. UMarcelo yena uthi: “Ebandleni sinabahlobo abalungileyo, sinabo nabazalwana noodade abathandana nyhani emhlabeni wonke.” KuYomara noobhuti bakhe, ingathi alisafiki ixesha apho baza kuzibonela ngokwabo umhlaba usenziwa iparadesi.—INdu. 37:10, 11; Isa. 35:5.

a Incwadana ethi Learn to Read Braille yenzelwe ukunceda umntu ongaboniyo ukuze akwazi ukufunda nokubhala ibraille.