Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndafumana Ithemba Xa Kanye Ndandilifuna

Ndafumana Ithemba Xa Kanye Ndandilifuna

Ngesiquphe ndabona ubuso bam busemanzini. Ndazama ukuphakamisa intloko, kodwa intamo ayizange ivume. Ndisoyika, ndazama ukuguquka, kodwa iingalo nemilenze yayingavumi. Ndaqalisa ukurhaxwa. Ubomi bam batshintsha ngokupheleleyo ngolo suku lwalufudumele ngo-1991.

NDAZALELWA kwisixeko saseSzerencs, ndaza ndakhulela kwilali yaseTiszaladány ekumntla-mpuma weHungary. NgoJuni 1991, mna nabahlobo bam saya kwenye indawo esingayiqhelanga kangako kuMlambo iTisza. Ndaziphosa emanzini, ndicinga ukuba anzulu ngokwaneleyo. Kwathi kanti yimpazamo enkulu leyo! Ndophuka amathambo amathathu entamo ndenzakala nomnqonqo. Abahlobo bam babona ukuba andishukumi, baza banditsala ngobunono ngaphambi kokuba ndirhaxwe.

Nangona ndandihleli, ndeva ukuba ikho into engalunganga kum. Omnye wabo wafowunela icandelo loncedo olukhawulezileyo, kwaza kwafika inqwelo-ntaka eyandithatha yandisa esibhedlele, apho oogqirha bazama ukundinyanga. Kamva ndasiwa kwisixeko esilikomkhulu, eBudapest, ukuze ndinyangwe khona. Ndalala ngomqolo kangang’ eenyanga ezintathu. Nangona ndandikwazi ukushukumisa intloko, ndandingakwazi ukulawula umzimba. Nakubeni ndandineminyaka nje eyi-20, kwafuneka ndixhomekeke kwabanye abantu ngento yonke. Ndandixhelek’ emphefumlweni kangangokuba ndandifuna ukufa.

Ekugqibeleni ndagoduka, baza abazali bam bafundiswa indlela yokundonga. Kwakungekho lula oku kubo, ibe kwisithuba esingangonyaka, ndadandatheka. Ngelo xesha, ndancedwa ngoogqirha bengqondo ukuze ndikujonge ngendlela elungeleleneyo ukuba ngumlwelwe kwam.

Ndaqalisa ukucinga nzulu ngobomi. Ngaba bunayo injongo? Kutheni ndehlelwe yile ntlekele? Ndafunda iimagazini neencwadi ndikhangela iimpendulo. Ndazama nokufunda iBhayibhile, kodwa ndandingayiva naloo nto ndiyifundayo. Ndayeka ukuyifunda. Ndazama nokuthetha nomfundisi, kodwa iimpendulo zakhe zange zindanelise.

Ngentwasa-hlobo ka-1994, amaNgqina kaYehova amabini atyelela utata, waye wawacela ukuba athethe nam. Ndandiwamamele njengoko ayendichazela injongo kaThixo yokwenza umhlaba ube yiparadesi, nokuphelisa konke ukugula neentlungu. Zazivakala zona izinto awayezithetha, kodwa ndandingaqinisekanga ncam ngazo. Nangona kunjalo, andishiyela iincwadi ezimbini ezicacisa iBhayibhile. Emva kokuzifunda, acela ukundiqhubela isifundo seBhayibhile,  ibe ndavuma. Andikhuthaza nokuba ndithandaze.

Ndeyiseka ukuba uThixo undikhathalele ngokwenene

Njengokuba ndandiqhubeka ndixubusha nawo, imibuzo emininzi endandinayo yaphendulwa ngokusuka eBhayibhileni. Ndeyiseka ukuba uThixo undikhathalele ngokwenene. Ekugqibeleni ngoSeptemba 13, 1997, emva kokufunda iBhayibhile kangangeminyaka emibini, ndabhaptizwa ebhafini ekhaya. Ndandonwabe gqitha ngolo suku.

Ngo-2007 ndayokuhlala kwikhaya labantu abakhubazekileyo eliseBudapest. Olu tshintsho lwandinika ithuba elihle lokuchazela abanye ngamathemba amahle endiye ndawafunda. Xa imozulu intle, ndiye ndiphume ukuze ndithethe nabantu, ndincedwa sisitulo esinamavili endisilawula ngesilevu.

Ndincedwa yenye intsapho enobubele ebandleni, ndakwazi ukuthenga ikhompyutha endiyilawula ngokushukumisa intloko. Le khompyutha indinceda ndikwazi ukufowunela abantu ngeIntanethi, ndize ndikwazi nokubhalela abantu abebengekho emakhayeni abo xa ibandla belishumayela kwindlu ngendlu. Ukunceda abantu ngale ndlela kundincede ndakwazi ukuthetha nabantu, kwaza kwandinceda nokuba ndingasoloko ndicinga ngam.

Ndishumayela ngesigidimi seBhayibhile kwi-Intanethi ndincedwa yikhompyutha endiyilawula ngokushukumisa intloko

Ngoku ndiyakwazi nokuya kwiintlanganiso zamaKristu. Xa ndifika kwiHolo YoBukumkani, abazalwana bam baye bandincede baphakamise isitulo sam esinamavili ukuze ndikwazi ukungena kumgangatho wesibini oneHolo. Xa kuqhutywa iintlanganiso, umzalwana ohleli ecaleni kwam uye andincede ngokuphakamisa isandla sakhe ukuze ndigqabaze. Xa ndigqabaza, uye andibambele iBhayibhile okanye incwadi efundwayo.

Ndisoloko ndisezintlungwini, ibe ndidinga abanye ukuze bandincede kwizinto endizenzayo. Ngenxa yoko ndiye ndizive ndiphantsi ngamaxesha athile. Ndiye ndithuthuzelwe bubuhlobo bam noYehova uThixo, kuba ndiyazi ukuba uyandimamela xa ndiphalaza imbilini yam kuye. Ukufunda iBhayibhile suku ngalunye kuyandomeleza, ngokukwanjalo nabazalwana noodade bam. Ubuhlobo babo, inkxaso yabo nemithandazo yabo indinceda ndihlale ndikhuthazekile.

UYehova wandithuthuzela ngexesha kanye endandiyifuna ngalo. Waphinda wandinika nethemba lokuba ngumqabaqaba kwihlabathi elitsha. Ngenxa yoko, ndilangazelela ixesha endiya kukwazi ‘ukuhamba nokuxhuma ndize ndimdumise’ ngenxa yobubele nothando lwakhe olungenakulinganiswa nanto.—IZenzo 3:6-9.