Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Isifo Seswekile—Ungakwazi Na Ukusiphepha?

Isifo Seswekile—Ungakwazi Na Ukusiphepha?

ISIFO SESWEKILE sinwenwa ngokukhawuleza kangangokuba sithethanje sigqugqise ehlabathini lonke. Kukho iindidi ezimbini zesifo seswekile. Udidi lokuqala luhlasela abantwana kakhulu, ibe oogqirha abakabi nayo indlela yokuluthintela. Kodwa kweli nqaku siza kuthetha ngodidi lwesibini, oluhlasela i-90 pesenti yabo bonke abantu abanesifo seswekile.

Ngaphambili olu didi lwesibini lwesifo seswekile lwaluhlasela abantu abadala kuphela, kodwa mvanje lungene nasebantwaneni. Noko ke, oogqirha bathi esi sifo sinako ukuphetshwa. Kusenokukunceda ukwazi banzi ngesi sifo singanyangekiyo. *

Siyintoni Isifo Seswekile?

Isifo seswekile sibakho xa umntu eneswekile eninzi ngokugqithiseleyo egazini. Esi sifo siphazamisana nendlela umzimba otsala ngayo iswekile egazini ukuze ube namandla. Oku kulimaza amalungu omzimba abalulekileyo kuze kuphazamisane nokuhamba kwegazi, nto leyo maxa wambi ephumela ekubeni umntu ashunqulwe ubhontsi okanye unyawo, abe yimfama, okanye akhathazwe zizintso. Xa siqatsele esi sifo, sibangela ukuba umntu abulawe yintliziyo okanye sistroke.

Owona nobangela uphambili wesifo seswekile kukutyeba ngokugqithiseleyo. Iingcali zithi umntu onamanqatha amaninzi esiswini okanye esinqeni usesichengeni sokuba nesifo seswekile. Ngokungakumbi, ukutyeba ngokugqithiseleyo komhlehlo nesibindi, kuphazamisa indlela umzimba otsala ngayo iswekile egazini. Yintoni onokuyenza ukuze ungabi sesichengeni?

 Iindlela Ezintathu Zokuphepha Ukuba Nesifo Seswekile

1. Ukuba uyazazi ukuba usesichengeni yiya kuhlola iswekile esegazini lakho. Ngaphambi kokuba umntu abe nesi sifo uqala abe neempawu ezifana nokuba neswekile eninzi ngokungaqhelekanga egazini. Naxa kunjalo, abanye baye bakwazi ukuyibuyisela kwindlela yesiqhelo iswekile esegazini labo. Kodwa umntu akanakunyangeka xa sele simhlasele esi sifo, nangona enako ukuphila naso. Usenokungaziqapheli iimpawu zaphambi kokuba abe naso. Olunye uhlolisiso lubonisa ukuba bamalunga nezigidi eziyi-316 abantu abanesifo seswekile ehlabathini, kodwa abaninzi babo abakuqondi oko. Ngokomzekelo, eUnited States nje kuphela, bamalunga ne-90 pesenti abantu abaneempawu zokuchwechwelwa sesi sifo kodwa abangakuboni nokukubona oko.

Iimpawu zaphambi kokuba umntu abe nesifo seswekile, nazo zinokuba yingozi. Ukongezelela kwinto yokuba ezi mpawu zikhokelela kwisifo seswekile, kuye kwafunyaniswa kutshanje ukuba zisenokubangela ukuphazamiseka engqondweni. Ukuba usisidudla, awujimi, okanye kukho abantu bakowenu abakhe banaso esi sifo, usesichengeni sokuba sikuhlasele nawe. Ukuya kuhlola igazi kuya kukunceda uqiniseke.

2. Yitya ukutya okunempilo. Kusenokukunceda ukwenza oku kulandelayo: Yitya kancinane kunokuba uqhele ukwenza. Endaweni yokuba usele iziselo ezineswekile nezihlwahlwazayo, sela amanzi, neti okanye ikofu. Yitya isonka sengqolowa, irayisi nepasta—ngokulinganiselweyo—kunokutya ukutya okungxengiweyo. Yitya inyama engenamafutha maninzi, intlanzi, iinuts neembotyi.

3. Jima. Ukujima kunokuyehlisa iswekile esegazini lakho, kukwenze wehle nasemzimbeni uze ube sempilweni. Enye ingcali yacebisa yathi jima endaweni yokubukela umabonwakude.

Awunakuyitshintsha imfuza, kodwa ungayitshintsha indlela owenza ngayo izinto. Ukukhathalela impilo yethu kunceda kwathina ekugqibeleni.

^ isiqe. 3 Akukho hlobo luthile lokutya okanye lokujima uVukani! alukhuthazayo. Mntu ngamnye umele azikhethele ngobulumko oko amele akwenze, aze abuze nakugqirha, ngaphambi kokwenza isigqibo ngokuphathelele impilo yakhe.