Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 NGABA LADALWA?

Iphiko Lebhabhathane Elifunxa Imitha Yelanga

Iphiko Lebhabhathane Elifunxa Imitha Yelanga

UKUZE banciphise ukuxhomekeka kwabantu kumafutha emvelo, oososayensi bakwiphulo lokuphucula izixhobo zokugcina amandla elanga. Omnye usosayensi wathi: “Isicombululo sale ngxaki simele ukuba . . . besilengalenga apha phambi kwamehlo ethu.”

Amaqoqo ephiko lebhabhathane anemingxuma ekrozileyo

Khawucinge ngoku: Ukuze azigcine efudumele kwimozulu ebandayo, amabhabhathane awathi naa amaphiko awo elangeni. Amaphiko ohlobo lwebhabhathane ekuthiwa yiswallowtail asebenza ngokumangalisayo xa efunxa imitha yelanga. Imfihlo yeli bhabhathane ayikho sembaleni walo omnyama nje kuphela, kodwa ikwakho nakwiimfikimfelana zamaqoqo asemaphikweni alo. Wona ke la maqoqo anemingxuma ekrozileyo, emile oku konobumba ongu-V nengenisa imitha yelanga. Indlela emangalisayo akhiwe ngayo la maqoqo yenza kungene ilanga, yaye yenza amaphiko abe mnyama aze ashushubeze eli bhabhathane.

Iphephandaba iScience Daily lithi: “Amaphiko ebhabhathane ngawona acekeceke, kodwa aye avula ithuba lokuba abaphandi babe neteknoloji entsha eza kuphindaphinda ukwenziwa kwegesi eyihaydrojini kwixesha elizayo, besebenzisa amanzi nemitha yelanga.” Enye indlela abanokukwenza ngayo oku kukusebenzisa izixhobo ezisebenzisa amandla elanga.

Ucinga ntoni? Ngaba iphiko lebhabhathane elifunxa imitha yelanga lazivelela? Okanye ngaba ladalwa?