Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 NGABA YADALWA?

Iintsiba Zikanombombiya Omkhulu

Iintsiba Zikanombombiya Omkhulu

UNOMBOMBIYA (ipenguin) unokudada emanzini aze atsibele emkhenkceni ngesantya esiphezulu. Ukwenza njani oko?

Iintsiba zikanombombiya omkhulu

Cinga ngoku: Unombombiya ugcina umoya kwiintsiba zakhe. Oku akukhuseli unombombiya kwingqele eqhaqhazelisa amazinyo kuphela, kodwa kumnceda ukuba adade ngesantya esiphindwe kabini nakathathu kweso ebenokukwazi ukudada ngaso. Njani? Iingcali ngobomi baselwandle zithi oonombombiya bakwenza oku ngokukhupha amaqamza amancinci phakathi kweentsiba zabo. Njengoko la maqamza ephuma, ukukhuhlana kwamanzi neentsiba zikanombombiya kuyancipha, kuze oko kumbangele adade ngesantya esiphezulu.

Okwenza umdla kukuba, iinjineli zikhangela indlela yokwenza iinqanawa zihambe ngesantya esiphezulu ngokusebenzisa amaqamza ukuze zihlise ukukhuhlana kwamanzi nenqanawa. Noko ke, abaphandi bayavuma ukuba leyo asiyondlwan’ iyanetha kuba “kunganzima ngabantu ukwenza umphandle wenqanawa okwaziyo ukugcina umoya uze wenze amaqamza emanzini njengonombombiya.”

Ucinga ntoni? Ngaba Iintsiba zikanombombiya omkhulu zabakho ngamabona-ndenzile? Okanye zadalwa?