Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 NGABA YADALWA?

Iphiko Lomnenga Onelunda

Iphiko Lomnenga Onelunda

LO MNENGA mkhulu kwaye usinda ngaphezu kwebhasi. Sekunjalo, esi silo sikhulu sithi phinyi-phinyi lula emanzini xa siguquka naxa sintywila. Sincedwa yintoni? Enye yezinto ezisincedayo ngamaqhuqhuva akumaphiko aso.

Khawucinge ngoku: Iminenga emininzi kunye nezinye iintlanzi ezinkulu zinamaphiko ampuluswa. Noko ke, wona lo mnenga wahlukile. Unamaqhuqhuva amakhulu kwincam yamaphiko awo. Njengoko lo mnenga udada, amanzi abetheka kula maqhuqhuva nto leyo ebangela isaqunge emanzini. Esi saqunge sitshintsha indlela ahamba ngayo amanzi. Oku kwenza lo mnenga ukwazi ukuphakamisa amaphiko awo kodwa uqhubeke udada. Kuyawunceda lo mnenga ukuphakamisa la maphiko awo made, kuba utsho ukwazi ukudada lula emanzini nangona umkhulu.

Iingcali zizama ukukopa izinto ezenziwa ngulo mnenga ukuze zenze iphini lephenyane elisebenza bhetele kuneli likhoyo, ivili lokutsala amanzi kunye nephiko lenqwelo-ntaka.

Ucinga ntoni? Ngaba iphiko lalo mnenga lasuka labakho? Okanye ngaba ladalwa?