Yiya kwinkcazelo

Imiyalelo Yentlanganiso Yobomi Bamakristu Nomsebenzi Wokushumayela

Imiyalelo Yentlanganiso Yobomi Bamakristu Nomsebenzi Wokushumayela

Iziqulatho

1. Le miyalelo iza kunceda bonke abo banezabelo KwiNtlanganiso YoBomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela. Bonke abo banezabelo bafanele bafunde le miyalelo kunye nemiyalelo yezabelo zabo EzikuBomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela ngaphambi kokuzilungiselela ezo zabelo. Bonke abavakalisi bamele bakhuthazwe ukuba bazinikele iintetho. Nabanye abeza qho kwiintlanganiso zebandla, banokuzinikela iintetho ukuba bayavumelana neemfundiso zeBhayibhile ibe baphila ngemigaqo yobuKristu. Umveleli Wentlanganiso YoBomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela umele athethe nomntu ofuna ukwenza izabelo abe engengomvakalisi, amxelele ngezinto ezifunekayo ukuze umntu afaneleke aze emva koko amazise ukuba uyafaneleka na. Le nto ifanele yenziwe ekhona lowo umqhubela isifundo seBhayibhile xa kuthethwa naye (okanye ekhona umzali wakhe oliNgqina likaYehova). Izinto ezimenza afaneleke ziyafana nezo zomntu ofuna ukuba ngumvakalisi ongabhaptizwanga.—od isahl. 8 isiqendu 8.

 AMAZWI OKUVULA

2. Umzuzu omnye. Veki nganye, emva kwengoma nomthandazo wokuvula, usihlalo weNtlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela uza kuthetha ngendlela iintlanganiso eziza kuba mnandi ngayo kuloo veki, aze abethelele iingongoma eziza kulinceda kakhulu ibandla.

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

  3. Intetho: Imizuzu eyi-10. Umxholo oneengongoma ezimbini okanye ezintathu ezibalulekileyo ukwiNcwadi Yentlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela. Le ntetho yenziwa ngumdala okanye isicaka solungiselelo esifanelekayo. Xa kuqaliswa incwadi entsha yeBhayibhile kufundo lweBhayibhile lweveki, kuza kudlalwa ividiyo eza kuyitshayelela. Isithethi sisenokuthetha ngezinto ezikwividiyo ezihambisana nomxholo. Simele siqiniseke ukuba sithetha ngeemfundiso ezibalulekileyo ezibhalwe kwincwadi yentlanganiso. Kwakhona, ukuba ixesha liyasivumela, simele siyisebenzise kakuhle imifanekiso ukuze umxholo ucace ngakumbi. Singazisebenzisa nezinye iimbekiselo ukuba ziza kunceda ekucaciseni iingongoma ezikwintetho yakhe.

 4. Ubuncwane ObuseBhayibhileni: Imizuzu eyi-10. Xa usenza le ntetho, ungayenzi intshayelelo okanye umqukumbelo, yeyemibuzo neempendulo. Imele yenziwe ngumdala okanye isicaka solungiselelo esifanelekayo. Isithethi simele sibuze abantu abakwiintlanganiso yomibini imibuzo. Kwakhona, sifanele sigqibe enoba ziza kufundwa zonke iivesi ezicatshuliweyo. Iimpendulo zifanele zibe yimizuzwana eyi-30 nangaphantsi.

  5. Ufundo LweBhayibhile: Imizuzu eyi-4. Le ntetho imele yenziwe ngumntu oyindoda. Umfundi umele afunde loo ndawo ayinikiweyo ngaphandle kokwenza intshayelelo okanye umqukumbelo. Usihlalo wentlanganiso uza kuba nomdla ngokukhethekileyo ekuncedeni abafundi ukuba bafunde kakuhle, ngendlela eza kuqondwa ngabantu abamameleyo, batyibilike, bacinezele iindawo ezifanelekileyo, batshintsha-tshintshe ilizwi, banqumame kwiindawo ezifanelekileyo baze bafunde ngelizwi eliqhelekileyo. Kuba iivesi ezikufundo lweBhayibhile zibaninzi ngamanye amaxesha, ngamanye zibe mbalwa, umveleli Wentlanganiso Yobomi BamaKristu ufanele ajonge ukuba ngoobani abakwazi ukufunda iivesi eziliqela nokuba ngoobani abanokuzifunda kakuhle ezimbalwa, ngaphambi kokuba anike abantu izabelo.

 YIKHUTHALELE INTSIMI

6. Imizuzu eyi-15. Le ndawo yenzelwe ukuze bonke abantu abakwiintlanganiso baqhelane nendlela yokushumayela baze baphucule indlela yabo yokuncokola nendlela abashumayela nabafundisa ngayo. Abadala banokuzabelwa iintetho zabafundi xa kuyimfuneko. Umfundi umele asebenzele kwingongoma yesifundo ekwincwadana ethi Ukufundisa okanye ethi Bathande Abantu evela kwizibiyeli kwisabelo esikwiNcwadi Yentlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela. Ngamanye amaxesha, kuza kubakho ingxubusho. Xa kunjalo, ifanele yenziwe ngumdala okanye isicaka solungiselelo esifanelekayo.—Jonga  isiqendu 15 ukuze ubone indlela yokwenza iingxubusho.

 7. Ukuqalisa Incoko: Esi sabelo sinokwenziwa ngumntu oyindoda okanye ngumntu obhinqileyo. Umntu omncedisayo umele abe ngowesini esifanayo, okanye ancediswe ngumntu okwintsapho yakhe. Umfundi kunye nomncedisi wakhe banokuhlala phantsi okanye beme ngeenyawo.—Ukuze ufunde okungakumbi ngento onokuyincokola neendlela zokushumayela kwesi sabelo, jonga  isiqendu 12  no-13

 8. Ukubuyela: Esi sabelo sinokwenziwa ngumntu oyindoda okanye ngumntu obhinqileyo. Umntu omncedisayo umele abe ngowesini esifanayo (km 5/97 iphe. 2) Umfundi kunye nomncedisi wakhe banokuhlala phantsi okanye beme ngeenyawo. Umfundi ufanele abonise into anokuyithetha xa ebuyela—Ukuze ufunde okungakumbi ngento onokuyincokola neendlela zokushumayela kwesi sabelo.jonga  isiqendu 12  no-13.

 9. Ukwenza Abafundi: Esi sabelo sinokwenziwa umntu oyindoda okanye umntu obhinqileyo. Umntu omncedisayo umele abe ngowesini esifanayo. (km 5/97 iphe. 2) Umfundi kunye nomncedisi wakhe banokuhlala phantsi okanye beme ngeenyawo. Esi sabelo simele sibe ngumboniso wesifundo seBhayibhile esisele siqhubeka. Akuyomfuneko ukuba nentshayelelo okanye umqukumbelo ngaphandle kokuba umfundi usebenzela kwenye yezo zinto. Akuyomfuneko ukuzifunda zonke iziqendu, nangona loo nto enokuyenza.

 10. Ukuthethelela Iinkolelo Zakho: Xa esi sabelo siyintetho, simele senziwe ngumntu oyindoda. Xa esi sabelo singumboniso, sinokwenziwa ngumntu oyindoda okanye obhinqileyo. Umntu omncedisayo umele abe ngowesini esifanayo, okanye ancediswe ngumntu okwintsapho yakhe. Umfundi umele aphendule umxholo ongumbuzo ngendlela ecacileyo necingisiswe kakuhle esebenzisa oko akufunde kwiimbekiselo azinikiweyo kwintetho yakhe. Umfundi unokukhetha ukuba uyafuna na ukuthetha ngokungqalileyo ngempapasho ekwimbekiselo ebudeni besabelo sakhe.

 11. Intetho: Esi sabelo simele senziwe ngumntu oyindoda aze asinikele njengentetho ebandleni. Xa intetho isekelwe kwingongoma ekwiSihlomelo A kwincwadana ethi Bathande Abantu, umfundi umele acacise indlela yokusebenzisa izibhalo ezibonisiweyo xa sishumayela. Ngokomzekelo, unokucasisa ukuba sinokufundwa xa kutheni isibhalo, sithetha ukuthini nendlela esinokumnceda ngayo umntu asiqonde. Xa intetho isekelwe kwingongoma ekwenye yezifundo zencwadana ethi Bathande Abantu, umfundi umele aphuhlise indlela esinokuyisebenzisa ngayo loo ngongoma xa sishumayela. Usenokuthetha ngevidiyo engumzekelo ekwingongoma 1 yesifundo okanye nayiphi na ivesi ekweso sifundo, ukuba loo nto iza kuba luncedo.

   12. Incoko: Into ethethwa kwesi siqendu neso silandelayo iza kusetyenziswa kwizabelo ‘Zokuqalisa Incoko’ nezithi “Ukubuyela.” Ngaphandle kokuba kuboniswe ngenye indlela, injongo yomfundi kukuncokola nomntu ngenyaniso eseBhayibhileni anokuba nomdla kuyo nokumgcina enomdla ukuze kube lula ukuncokola naye kwixesha elizayo. Umfundi umele akhethe umxholo ohambisana nento ekuthethwa ngayo kakhulu ekuhlaleni. Usenokukhetha ukuba uyafuna na ukuthetha ngempapasho okanye ngevidiyo ekwiTeaching Toolbox. Endaweni yokuba umfundi ankqaye into aza kuyithetha, umele aqhelisele iindlela zokuqhuba incoko njengokubonisa umdla ebantwini nokuyeka incoko iziqhube ngokwayo.

   13. Iindlela Zokushumayela: Xa umfundi enikwe isabelo sokusebenzisa enye yezi ndlela zokushumayela umele asenze ngokweemeko zasekuhlaleni. Ngokomzekelo:

(1) Kwindlu Ngendlu: Le ndlela yokushumayela iquka ukushumayela kwindlu ngendlu—ubuso ngobuso, ngefowuni, ngeleta—kunye nokubuyela kumntu obuthethe naye xa ubushumayela kwindlu-ngendlu kwixesha elidlulileyo.

(2) Ukushumayela Ngokungacwangciswanga: Le ndlela yokushumayela ichaza indlela yokusebenzisa naliphi na ithuba elivelayo ebudeni bencoko ukuze sishumayele. Usenokuthetha ngeSibhalo kwabo uphangela nabo, ofunda nabo, abo basebumelwaneni bakho, okhwele nabo isithuthi sikawonke-wonke okanye nabani na odibana naye xa usenza imisebenzi yakho yosuku.

(3) Ukushumayela Esidlangalaleni: Le ndlela yokushumayela inokuquka ukushumayela ngetroli, kumashishini, ukushumayela ezitratweni, kwiipaki, kwiindawo zokumisa iimoto okanye naphi na apho bafumaneka khona abantu.

 14. Ukusebenzisa Iividiyo Neempapasho: Kuxhomekeka kwiimeko, umfundi usenokusebenzisa ividiyo okanye impapasho. Ukuba isabelo somfundi siquka ividiyo okanye umfundi ukhetha ukusebenzisa ividiyo kufuneka ancokole ngayo kodwa angayidlali.

 INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

 15. Emva kwengoma, imizuzu eyi-15 elandelayo yale ndawo iza kuba nentetho enye okanye ezimbini, zokunceda abantu abamameleyo basebenzise iLizwi LikaThixo kubomi babo. Ngaphandle kokuba kuchazwe ngenye indlela, ezi ntetho zimele zinikelwe ngumdala okanye isicaka solungiselelo esifanelekayo, kodwa iimfuno zebandla zimele zenziwe ngabadala kuphela. Ebudeni bengxubusho isithethi sisenokubuza neminye imibuzo eyongezekileyo ngaphandle kwaleyo ibhaliweyo. Umele ayenze mfutshane intshayelelo yakhe ukuze kubekho ixesha elaneleyo lokuveza iingongoma ezibalulekileyo ze nebandla libe nexesha elininzi lokuphendula. Ukuba izakuba yintetho yodliwanondlebe kungakuhle ukuba lowo uzakubuzwa imibuzo aze eqongeni kunokuba aphendule ehleli nabaphulaphuli.

  16. ISifundo SeBhayibhile Sebandla: Imizuzu eyi-30. Simele sabelwe umdala ofanelekayo. (Kumabandla anabadala abambalwa kunokusetyenziswa izicaka zolungiselelo ezifanelekayo.) Iqumrhu labadala limele ligqibe ukuba ngubani ofanelekayo onokuqhuba iSifundo SeBhayibhile Sebandla. Abo bakhethiweyo ngabadala bamele bakwazi ukusiqhuba ngendlela eza kusinceda siphele ngexesha, baveze izibhalo ezibalulekileyo, baze bancede wonke umntu akwazi ukuqonda ukuba unokusisebenzisa njani. Baya kufumana imigaqo eluncedo xa behlola ulwalathiso olupapashiweyo lwendlela yokuqhuba ingxubusho yemibuzo nempendulo (w23.04 p. 24, ibhokisi). Ukuba zikhawuleze zagqitywa iziqendu, akuyomfuneko ukuba sitsalwe iSifundo SeBhayibhile Sebandla. Xa kunokwenzeka, kumele kusetyenziswe abaqhubi nabafundi abahlukeneyo veki nganye. Ukuba usihlalo Wentlanganiso YoBomi BamaKristu uyalela ukuba isifundo sincitshiswe, umqhubi umele agqibe ekubeni uza kusinciphisa njani isifundo. Unokukhetha ukuba ezinye iziqendu zingafundwa.

 AMAZWI OKUVALA

 17. Imizuzu eyi-3. Usihlalo Wentlanganiso uza kwenza impinda yeemfundiso eziluncedo ezivele kwiintlanganiso. Umele athethe ngezinto eziza kwenziwa kwiintlanganiso zeveki elandelayo. Ukuba ixesha lisavuma, umele achaze abantu abaza kunikela iintetho kwiveki elandelayo. Ngaphandle kokuba kuchazwe ngeny’ indlela, umele enze izaziso xa zikhona ibe xa kukho iileta ezimele zifundelwe ibandla, zimele zifundwe ngusihlalo kumazwi akhe okuvala. Izaziso eziqhelekileyo, ezifana nelungiselelo lentsimi nocwangciso lokucoca, azimele zenziwe eqongeni kodwa zimele zixhonywe kwibhodi yezaziso. Ukuba izaziso azinakwenziwa okanye iileta azinakufundwa ngexesha elabelwe amazwi okuvala kasihlalo, ufanele acele abazalwana abaneentetho kwindawo ethi Indlela Yokuphila YamaKristu banciphise ixesha labo. (Funda  isiqendu 16  no-19.) Iintlanganiso ziza kuvalwa ngengoma nomthandazo.

 UKUNCOMA NOKULULEKA

 18. Emva kwentetho nganye yomfundi, usihlalo weNtlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela uza kusebenzisa umzuzu omnye ukuze ancome aze aluleke umfundi esebenzisa ingongoma yesifundo abelwe kuso. Xa usihlalo ebiza umfundi, akazokusichaza isifundo asebenzela kuso. Nangona kunjalo, xa intetho yomfundi igqityiwe nasemva kwamazwi okuncoma, usihlalo unokuchaza isifundo ebesebenzela kuso umfundi nendlela asenze kakuhle ngayo okanye ngobubele achaze indlela esiza kumnceda ngayo eso sifundo nokuba kutheni kuza kumnceda ukuphinda asijonge. Usihlalo unokuncoma izinto ezintle ezenziwe kumboniso eziza kunceda umfundi okanye abantu abamameleyo. Ezinye izinto usihlalo afuna ukucebisa ngazo ezikwincwadi ethi Bathande Abantu, Ukufundisa okanye kwethi Isikolo Sobulungiseleli, unokuzithetha nomfundi emva kwentlanganiso okanye ngelinye ixesha. Unokusebenzisa esi sifundo ebesebenzela kuso okanye esinye isifundo.—Funda  isiqendu 19,  24,  no-25, ngemiyalelo yendima kasihlalo weNtlanganiso Yobomi BamaKristu nomluleki wangasese.

 IXESHA

    19. Ayikho intetho emele idlule exesheni, kuquka namagqabaza kasihlalo weNtlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela. Nangona Incwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela ichaza ixesha lentetho nganye, akunyanzelekanga ukuba umntu owenza loo ndawo ongeze nezinye izinto ukuba ukhawuleze wagqiba. Ukuba iintetho ziyadlula exesheni, usihlalo weNtlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela okanye umluleki wangasese umele abancede ecaleni. (Funda  isiqendu 24  no-25.) Iyonke intlanganiso, kuquka iingoma nemithandazo, imele ibe yiyure enye enemizuzu eyi-45.

 UTYELELO LOMVELELI WESIPHALUKA

20. Xa ibandla linotyelelo lomveleli wesiphaluka, intlanganiso iza kuqhutywa ngokwendlela echazwe kwiNcwadi Yentlanganiso YoBomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela, ngaphandle kolutshintsho lulandelayo: Endaweni yeSifundo SeBhayibhile Sebandla esikwindawo ethi Indlela Yokuphila YamaKristu, kuza kubakho intetho yemizuzu eyi-30 yomveleli wesiphaluka. Ngaphambi kwentetho yomveleli, usihlalo weNtlanganiso uza kwenza impinda yentlanganiso esandul’ ukuphela, athethe ngeentlanganiso zeveki ezayo, enze izaziso eziyimfuneko, afunde neeleta eziyimfuneko, emva koko abize umveleli wesiphaluka. Emva kwentetho yakhe, umveleli wesiphaluka uza kuvala iintlanganiso ngengoma ayikhethileyo. Unokucela omnye umzalwana athandaze. Zonke iintetho zabafundi ziza kwenzelwa kwiholo enye xa ilutyelelo lomveleli wesiphaluka. Iqela lolunye ulwimi linokuqhuba iintlanganiso naxa ilutyelelo lomveleli wesiphaluka kwibandla eliphantsi kwalo. Kodwa, elo qela limele libe kunye nebandla eliphantsi kwalo ebudeni bentetho yomveleli wesiphaluka.

 IVEKI YENDIBANO YENGINGQI OKANYE YESIPHALUKA

21. Ngeveki yendibano yesiphaluka neyeNgingqi, azizokubakho iintlanganiso. Ibandla limele likhunjuzwe ukuba iintsapho okanye umntu unokuzifundela into ebekuza kuthethwa ngayo kwintlanganiso yaloo veki.

 IVEKI YESIKHUMBUZO

22. Intlanganiso Yobomi BamaKristu ayizukubakho ukuba iSikhumbuzo siphakathi evekini.

 UMVELELI WENTLANGANISO YOBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA

23. Iqumrhu labadala liza kukhetha umdala oza kuba ngumveleli weNtlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela. Uza kuqinisekisa ukuba intlanganiso ihamba kakuhle nokuba iqhutywa ngokwale miyalelo. Umele asebenzisane kakuhle nomluleki wangasese. Xa ifika nje Incwadi Yentlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela, umveleli wale ntlanganiso uza kwabela abafundi nezinye izithethi iintetho zeenyanga ezimbini. Uza kwabela nabazalwana abakhethwe ngabadala ukuba bangangabo oosihlalo kwiintlanganiso zaphakathi evekini. (Jonga  isiqendu 3-16  no-24.) Xa esenza izabelo zabafundi umele acinge ngeminyaka yomfundi, amava akhe nenkululeko yakhe yokuthetha kuloo nto sithetha ngayo isabelo. Kufuneka enze okufanayo naxa esaba ezinye izabelo zeentlanganiso. Umfundi umele ayinikwe intetho yakhe ubuncinane kwiiveki ezintathu ngaphambi komhla wentetho. Kusetyenziswa ifomu ethi Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Isabelo Sentetho (S-89). Umveleli Wentlanganiso Yobomi BamaKristu kufuneka aqiniseke ukuba ucwangciso lwezabelo zeentlanganiso luxhonyiwe kwibhodi yezaziso. Abadala basenokucela ukuba ancediswe ngomnye umdala okanye sisicaka solungiselelo. Kodwa ngabadala qha abamele babe izabelo ezingezizo ezabafundi.

 USIHLALO WENTLANGANISO YOBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA

   24. Veki nganye, umdala omnye uza kuba ngusihlalo wale ntlanganiso. (Xa bembalwa abadala, isicaka solungiselelo esifanelekayo sinokwabelwa.) Nguye oza kwenza amazwi okuvula nawokuvala. Kwakhona, nguye oza kubiza izithethi, usenokuba nezakhe iintetho kule ntlanganiso ingakumbi ukuba kwezo ntetho kudlalwa ividiyo kuze kungabikho ngxubusho emva koko, kuxhomekeke ekubeni bangaphi abadala. Amagqabaza akhe emva kwentetho nganye amele abe mafutshane. Iqumrhu labadala liza kugqiba ukuba ngabaphi abadala abanokufanelekela ukuba ngoosihlalo. Abadala abafanelekayo baza kutshintshana ngokuba ngusihlalo. Kuxhomekeka kwiimeko zebandla, umveleli weNtlanganiso Yobomi BamaKristu unokuba ngusihlalo kaninzi kunabanye abadala abafanelekayo. Ukuba umdala uyakufanelekela ukuqhuba iSifundo SeBhayibhile Sebandla, angakufanelekela nokuba ngusihlalo. Ncedani nikhumbule ukuba, umdala ongusihlalo kuza kufuneka abancome aze xa kuyimfuneko abaluleke ngothando nangobubele abo baneentetho zabafundi. Usihlalo umele aqiniseke ukuba iintlanganiso ziphela ngexesha. (Funda  isiqendu 17  no-19.) Ukuba usihlalo uyathanda ibe kukho indawo eyaneleyo, unokubekelwa eyakhe i-mic ecaleni kweqonga, ukuze xa ebiza isithethi esilandelayo abe loo mzalwana yena sele emile eqongeni. Ngokufanayo, usihlalo unokuhlala kwitafile eseqongeni xa kusenziwa iintetho zoFundo LweBhayibhile nezikwindawo ethi Yikhuthalele Intsimi. Le nto inokulonga ixesha.

 UMLULEKI WANGASESE

  25. Xa kunokwenzeka, kuhle ukusebenzisa umdala osisithethi esinamava. Xa kuyimfuneko, umluleki wangasese nguye omele aluleke ecaleni abadala nezicaka zolungiselelo kwizabelo zabo, kuquka iintetho ezikwiNtlanganiso Yobomi BamaKristu, iintetho zesidlangalala, ukuqhuba nokufunda kwiSifundo seMboniselo neSifundo SeBhayibhile Sebandla. (Funda  isiqendu 19.) Ukuba kukho abadala abaliqela ebandleni abazizithethi nabakwaziyo ukufundisa, banokuba ngabaluleki bangasese, batshintshane nyaka ngamnye. Akunyanzelekanga ukuba umluleki wangasese aluleke qho emva kwentetho.

 IIKLASI EZONGEZELELEKILEYO

26. Kuxhomekeka kwinani labafundi, amabandla anokuba neentetho zabafundi kwezinye iiklasi. Iklasi nganye imele ibe nomluleki ofanelekileyo, ukuba kunokwenzeka ibe ngumdala. Ukuba kuyimfuneko, isicaka solungiselelo esifanelekayo sinokusetyenziswa kwesi sabelo. Iqumrhu labadala lilo elimele ligqibe ukuba ngubani oza kusenza esi sabelo, nokuba baza kutshintshana na kuso okanye akunjalo. Umluleki ufanele alandele imiyalelo  ekwisiqendu 18. Ukuba iiklasi ezongezelelekileyo zikhona, abafundi bamele bacelwe ukuba baye kwezo klasi xa kuphela Ubuncwane ObuseBhayibhileni okuphantsi kwendawo ethi Ubutyebi Obuphuma ELizwini LikaThixo. Bamele babuyele apho iqhutywa khona intlanganiso emva kwesabelo sabafundi sokugqibela.

 IIVIDIYO

27. Kuza kudlalwa iividiyo ezihambisana naloo nto kuthethwa ngayo kwiintlanganiso. Iividiyo zeentlanganiso zaphakathi evekini ziza kufumaneka kwiJW Library® nakwizixhobo ezahlukeneyo.

© 2023 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania

S-38-XO 11/23